“Uyazi ukuba ubuye ngaliphi ixesha?” Wabuza utata engemhle ebusweni akufika egumbini lam. Wayevutha ngumsindo.”Wakha wabuya esikolweni emva kwentsimbi yesibini?”
Ndothuka. Bendilinde egumbini lam imini yonke ukuba ade afike andixelele le nto. Kwakungelemivundla kwaye ndandikwenkulu inkathazo. Ndandingacacisa ndithini ukuba bendihleli noThobekile phantsi komsintsi, mna naye qha. Utata wayengandibulala ndingagqibanga nokuthi ‘Thobekile’.
Utata waqalisa wagxola, wangenelela umama egalela phezu kwamazwi katata ngomsindo. Ethubeni amazwi abo avakala luzizi kum kuba ingqondo yam yayimkile. Yayenzeke njani kodwa into yokuchitha ixesha elingaka noThobekile. Kwakungathi sichithe nje imizuzwana engagqithanga naseshumini. Makuba ke kuthi yakuthetha inkwenkwe amazwi achukumisa intliziyo ngemilebe egudileyo, ulahlekelwe lixesha.
Yonke into ebiqhubeka phantsi komsintsi yabuya yadlala engqondweni yam, kanye ngelixesha abazali bam benyusa uphahla ngamazwi. Konke kwakuvakala okukanomathotholo esitsho kude, ndizicingela ngoThobekile phantsi kwala mthi.
Andisiphendulanga isicelo sikaThobekile sothando ngo ewe, ndingazange ndithi hayi. Kodwa ndasebenzisa ezinye iindlela zokubonakalisa impendulo yam ngokuya eqhubeka ethettha, endifanisa nayo yonke into entle kweli phakade. Imilebe yakhe yayindikhoba ukuba ndisondele. Ngephanyazo ndamphuza.
Ukucinga ngokuphuzwa nguThobekile kwabanga ukuba ndingabinako okunye ukucinga. Ndandingaseva nelinye ilizwi kubazali bam. Ngalo mzuzu ndafunga ukuba andisayi kuphinda ndiphuzwe ngalo ndlela kwakho. Phambi kokuba ndimke emehlweni kaThobekile sathiyana amagama amnandi ezigqulo. Wandibiza uNono wakhe, mna ndathi nguBhibhi wam.
Ndilufumene ubambo lwam, ndatsho ngaphakathi isisu sam sizele ngamabhabhathene.
Abuya athi shaka kamsinya, ndabuyela ezigqondweni ngokuva utata esithi, “Kufuneka aziqoqoshe, abonakalise ukuziphatha kakuhle ngala ndlela sasimfundise ngayo lo mntwana, ngakumbi ngoku azakuba ngumfazi kunyana kaBhishophu.”
Olu tyelelo lukabhishophu ekhaya lwaluze nomtshato? Kwakunzima ukuyikholelwa le nto. Ndandivutha ngumsindo ngaphezu koko ndothukile.
Amazwi katata andoma ndaxakwa nakukuphefumla. Utata angayenza njani into yokundendisela emntwini endingamaziyo endingasoze ndimthande ngendlela endimthanda ngayo uThobekile? Iinyembezi zaphuma zibaleka.
Ndakhawuleza ndazosula ndisazi ukuba aziyi kundenzela nto. Ukubonisana notata kwizigqibo zakhe kwakungadala isidubedube. Akukho mntu aphikisana naye ekhaya. Mna nomama sasisenza loo nto wayesithi mayenziwe ngelo xesha athande ngalo, kuba yintloko yekhaya. Nangona ndandiziqinisile, intliziyo yam yayilihlwili.
Kwakumele ndiyiphalaze emntwini le ntlungu. Ndandingaxola ngakumbi ukuba loo mntu yayingaba nguThobekile.
Kuthe kwakufikelela ixesha lokuba kulalwe, umama wandicela ukuba nditsixe amasango omzi njengoko yena wayesele evathe ingubo yokulala. Eli yayilithuba lam. Ndenza njengoko endiyalele kodwa ndashiya iqhaga lesango elikhulu ndingalitsixanga.
Ngenzulu yobusuku, kanye xa ndandiqinisekile ukuba balele, ndathubeleza ngefestile, ndachwechwa ukuya kuphuma ngegeyithi ndatshayinta esitalatweni.Ndilishiye isango ndingatsixanga.
Ndingumntu ongathandi kuhamba ngobusuku, ngakumbi ubusuku obumnyama tsu. Kodwa ndihambe ndingena xhala, engqondweni yam ndinombono ndisezingalweni zikaThobekile. Kwakungekho ndlela yimbi yokuthomalalisa le ntlungu ndingafumbathwanga nguye.
Ubusuku bam bokuqala noThobekile babungeyiyo le ndlela ndandicinga bungayiyo. Kuloku babuyinto engaphezu kweengcamango zam. Kwakungathi ndingalibamba lingaphumi. Ngelishwa zange lime.Libalekela ukusehlula. Ndavuka ngentsimbi yesine ndithintela ukubonwa ngabantu kulo Thobekile okanye esitalatweni.
Inye into endandiqiniseke ngayo, ezilalini bonke abantu bayazana kantineendaba azilali mbetheni.Yayingaba lihlazo ebazalini bam ukuba ndandingabonwa ndiphuma kulo Thobekile ngentseni.
Ndahamba ndisithela ngamathunzi.
Ngethamsanqa ndafika ekhaya utata nomama bengekavuki, negeyithi ivalwe ngala ndlela ndandiyishiye iyiyo. Andiphozisanga maseko, ndangena ngefestile ndathi tshwa ebhedini.
***
Sixelele ukuba ucinga ntoni: Ingaba ilungile imitshato equlunkqwa ngabazali?