UMfundo uqinisekiswe njengofileyo. Wabulawa ligquba elinomsindo. Andikholelwa ukuba andiphindi ndilubone uncumo lwakhe; ukuba asiphindi sikhuphisane ukubona ukuba ngubani oza kuphinda akhuphe owona msi mkhulu otsaliweyo wentsangu; senze izangqa ngawo emoyeni; okanye ngubani okhawuleza akhuphe igusha ebuhlanti.

Okokuqala sakhuphisana ngokuba ngubani oza kufaka awona manqaku maninzi kwiqela lethu. Ndinqwenela ngathi yayihlale injalo.

Kubi kakhulu kuba andikwazanga nokumvalelisa. Ukuba uLwando ulifumene ithuba lokuya emngcwabeni, angathi nqotyi, intsangu, kula bhokisi, iCD ye-Nas nomfanekiso wegusheshe ebomvu, BMW E20i, imoto yamaphupha kaMfundo. Ndizicingela ezi zinto ndilusizi njengokuba ndilele kule nto ngathi yibhedi igcwele iimpukane. Ndifuna ukufa.

Kwelinye icala lodonga kwenziwe imidana emibi yemifanekiso nemikrwelo yemigewu: ’26 iMali ngaphezu koonondindwa’. Kwelam icala, ’28 Banxanelwe igazi’.

“Sabelo, xa ungena endlwini, kufuneka abantu bakhululeke, ngoko ke ncuma kancinane. Abantu mabangaze bakrokrele ukuba ungababela izinto zabo.” Ndisoloko ndisiva ilizwi likaLwando engqondweni yam, ndikhumbula amaxesha wayedla ngokundilawula mna noMfundo.

“Sabelo Jonginto, Sabelo Jonginto vuka s’botshwa!” Lavakala ezindongeni kwipaseji ende, libiza igama lam.

Amadoda amahlanu anempahla elubhelu-bubomvu nezihlangu ezi-brown angena. Andityhalela epasejini. Sangena kwigumbi elinetafile enye nezitulo ezimbini. Elinye idindala lasejele lahlala nam. Akathethi kakhulu. Ngumfo obeka libe linye, “Apha. Hlala.”

Kungena inkosikazi yebala. Unxibe isuti yelinen ekhrimu nezihlangu ezimnyama, unoncunyana nje olungephi. Iinwele zakhe ezimanzi zibotshelwe ngasemva zajinga. Ubambele ifayili eblu esifubeni sakhe ngesandla sasekhohlo. Kwisandla sakhe sasekunene ujingise izitshixo zemoto. Ndimmonela kakubi. Izitshixo zemoto kum zithetha inkululeko.

Idindala eli livala ucango ze lime lithe cwaka, kufuphi nam.

“Igama lam ngu-Ingrid. Ndiligqwetha lakho eliqeshwe ngurhulumente,” yatsho le nkosikazi itsala isitulo.

“Bekunetha apha ngaphandle?” Ndambuza.

“Ewe, iintsuku ezimbini ngoku.”

Ndicinga uLwando. ULwando Mpahlayimbi omde, umnyama tshu unamehlo abomvu krwe. Wayeyithanda imvula. Kwakulula ukuba iigusha xa kusina. Abantu bakhawuleza balale. Kananjalo wayeyithanda inyama yakhe ngeentsuku ezibandayo, ezinayo.

“Xa kunethayo, awusoze ubabone abantu ngaphandle, hayi, kuba abantu bale lali bayanyibilika.” Sasidla ngokuhleka siphele xa esitsho le nto.

Le nkosikazi yakhupha isandla sayo yasisondeza kum. Ndamjonga emehlweni, ndajonga nakwidindala, ndaphinda ndajonga kuye.

“Unjani namhlanje?”

“Phuh, ufuna ukwazi ukuba ndiziva njani? Ndi…”

“Hey, hey, ungakhe ulinge ube nenkani kuye,”laphazamisa ngelo idindala. Amaganyana ambalwa aphuma kuye kweli tyeli.

Mnumzana, ndiza kukubonisa ukuba yintoni inkani!”

Ndaphambana ke ngoku. Ndabethekisa izandla zam zombini etafileni, ndayityhala de iye kubetha kule nkosikazi. Ndiyaphakama.

Idindala eli lithetha ngokukhawuleza kunomathotholo walo. Kungena ngokungxama oonogada ababini. Bacela le nkosikazi ukuba ibanike imizuzwana nam. Uyaphakama aphumele ngaphandle ezibambe esiswini.

Omnye wabo utsalela isitulo ekoneni. Uyatsiba akhwele esitulweni atsale ikhamera ayibhekise kwelinye icala ukuze ijonge ngasedongeni.

Mthimkhulu, uyicokise, kodwa ingophi, watsho komnye xa etsibela phantsi esihla esitulweni.

Ndibethwa ngentonga yoonogada kabini, kakhulu egxeni lasekhohlo. Ndiva isihlangu selinye idindala sitsho gxi emqolo njengokuba ndityhalelwa phambili. Ndiwa bhaxa kumgangatho oqinileyo wekhonkrithi. Ndiyakhatywa ndinqindwe kulo mzinjana wam ubhityileyo.

Uxolo bhuti!” Ndiyakhala.

Omnye wabo undinyathele ngesoli yesihlangu sakhe esibrown apha esidleleni. Baqhuba bendohlwaya kabukhali. Ndaqala ukulila.

“Sula ezo nyembezi uzilungiselele ukuthetha nela nenekazi,” watsho omnye. Ndiyaphakama ndikhawuleze ndihlale esitulweni. Ngoku ndisezintlungwini ezibukhali. Kodwa, ndizilungiselele ukumamela eli nenekazi. Ayaphuma amadindala amabini. Elinye liyasala lime ecaleni kwam, lithe cwaka. Iyabuya le nkosikazi.

“Ndiyacela, ndicela undixelele ukuba ufuna ndikwenzele ntoni,” ndambongoza.

“Kufuneka sicinge ngento onokuzenzela yona wena Sabelo,” watsho.

Enyanisweni, ndifuna ukulila xa ethetha ngolu hlobo. Kodwa, lo nto ingaphazanyiswa ngokuba andinambeko ndibe sesichengeni sokubethwa ngala madoda makhulu mathathu kwakhona.

“Zicingele wena Sabelo. Musa ukwenza inkathalo enje. Ungandixokiseli. Usemncinane yaye uyaqala ukona, ngoko ke inkundla ingakuphatha kakuhle ikubonelele. Luyakudinga usapho lwakho,” watsho wavula kwakhona la fayile iblu.

“Sabelo, ndiza kukubuza imibuzo embalwa. Ukuba kukho into ongayiqondiyo uncede undicele ukuba ndiphinde okanye ndikucacisele. Ekugqibeleni uza kulifumana ithuba lokuba undibuze xa unayo imibuzo. Kananjalo kukho ileta yakho evela kudadewenu. Kodwa ngaphambi kokuba siqale, ingaba ikho into ofuna ukundazisa yona?”

“Hayi.”

Emva kwemibuzo le nkosikazi indinika ileta evela kuNonyaniso iphume ngomnyango.

Ndiyathandabuza, ndilindele umyalelo wendindala. “Ndim okuxelelayo ukuba usa kuya nini ngasese, ulale nini yaye utye nini. Awundixeleli kwanto wena.” Yinto andixelele yona le emva kokubethwa. “Ndim owenza isigqibo sokuba ufumana ilanga elingakanani ngeveki.” Akuzange kunyanzeleke ukuba andixelele ukuba uyiNkosi yam, vader. Ndiyazi andiphindi ndingamhloneli.

“Phakama, sibuyela esiseleni sakho,” watsho ngelizwi elikhulu.

Siyahamba sihlisa lo paseji inevumba elibi. Ngaphambi kwendawo ebhalwe BB278 uvula iigeythi ngezitshixo ezimbini ezinde.

Ndicinga amazwi ala nkosikazi, “…ungandixokiseli.”

Ndicinga ngento endisandula ukumchazela yona – eyam inguqulelo yento eyenzeka ngoba busuku bepati. Ndicinga ngoNonyaniso. Andifuni kuyifunda into ayibhale kule leta.

Le yinguqulelo yebali, ndiyacinga, eliya kundihlala engqondweni ubomi bam bonke.

UNonyaniso ubhale eleteni ukuba uya eKapa. Akathethi kwanto ngoba busuku bepati.

* * * * *

Uyandizonda udadewethu. Ndinomhlobo obhubhileyo. I-Black Tights ayindenzelanga nto. Uthando lwemigewu lusoloko lunemiqathango. Ukuzibophelela ngobubhanxa. Indlela ekhawulezayo yokuza kule trongo imdaka.

Ndifuna ukuqala ngokutsha kwakhona. Nditsho nokuba kuthetha ukuba umama, umama wethu usakhetha uNonyaniso. Ndiya kubulela ukufumana nje ipleyiti yokutya rhoqo ngokuhlwa. Nditsho nenyama, leyo umama angakwaziyo ukuyihlawulela kwangaphambili. Kodwa, wenza ityala aze nayo ekhaya. Ndiya kuhlala ekhaya. Ndilungile. Kodwa okwangoku kufuneka ndihlawule, ndihlawule into eninzi kwesi sihogo.

Thixo ndincede.

* * *

Khawusichazele ukuba ucinga ntoni: Sisiphi isigwebo esifanele ukufunyanwa nguSabelo ngobusela nangokudlwengula?

Fumanisa ukuba kwenzeka ntoni kuNonyaniso noSabelo kwibali elithi ‘Ndikhululekile ekuGqibeleni!’ kwi-FunDza elandelayo.