Siphelo

Ekuseni ndivuke uNokubonga engekho ecaleni kwam. Andiyazi ukuba uhambe nini. Ndifowunele uNqabisa. Uvumile ukuza eMasi namhlanje.
Ndiyicoce kanobomi ihoki yam. Kwi-album yam ndikhuphe amafoto am apho ndifote namantombazana khona ndawafihla phantsi komatrasi wam.

Emva koko ndiye kuloBulela, ndisiya kulungisa isitlamatlama. Eyona nto yayibalulekile yayiyeyokuba ndandifuna ukuxelela uBulela ezindaba zimnandi zokuba uNqabi uvumile ukuza eMasi.

Xa ndifika kuloBulela ndidibene naye eme noBertha egeyithini.

“Ngoku, ngelixesha?” ndiqale ndambuza emva kokuba ehambile uBertha.

“Ungabinangxaki S’phe mfethu, zonke izinto ndiziphethe,” utshilo kum.

“Bendicinga ukuba uthe unayo indoda lomntwana?” Usuke wandijonga wancuma xa ndimbuza. “Mamela mfethu, uNqabisa uthe uzakuza
namhlanje.”

“Owu, nyhani? Zamnandi ezondaba. Uyinja boss, is’khokho!”

“Ndiyayazi loo nto,” nditsho ngetshamba.
Sihleli esitupini sisela iziselo zethu ezibandayo.

“Nank’ uZimkhitha esiza.”

“Intoni?” utsho endijonga uBulela.

“Ndithi elancinzo lakho, liza ngapha.”

“Angangeni qha erumini yam. Kugcwele iikhondom phantsi!”

Utshilo ngelixesha uZimkhitha engena egeyithini.

“Hey guys, ninjani?”

“Hayi, sigrand, sigrand.” Uphendule watsho uBulela. Izandla zakhe ziyangcangcazela nelizwi lakhe liphuma kancinci.
Bulela

“Ndifuna ukuthetha nawe bucala,” utsho endijonge emehlweni uZimkhitha.

“Ja, sure.” Ndiphakamile ndatsho ndisiya ngasegeyithini.

“Hayi, masingene ngaphakathi,” utsho ehamba phambili uZimkhitha.
Ndijonge kuSiphelo ngelixesha ndilandela uZimkhitha esiya endlwini. Uthetha ngemilebe: “deep shit.”

UZimkhitha ubeke inyawo ngaphakathi endlwini, ubone obobutyobo bulapha, wema ngxi. Akahlelanga ebhedini njengesiqhelo. Ume emnyango wandithi jezu ngamehlo. “Icace gca into ebisenzeka apha. Ngubani Bulela? Ngubani esisifebe?” ukhwazile ekhala.

“Yehla ntombazana,” ndimcenge ndatsho. Ndivale ucango. “Yintoni ekuzisa apha ngelixesha?”

“Kukuphela kwento ozakuyithetha leyo Bulela? Bulela, Bulela, ndizokuxelela ukuba ndikuthanda kangakanani. Bendizokukuphuza qha ndiphinde ndihambe.” Ukhalile endibetha ngamanqindi esifubeni.

“Ndikuxelele ukuba masingangxami.”

“Phambi kokuba silele Bulela! Awunakundixelela ukuba ukulala nam amaxesha amaninzi kangaka akuthethi nto kuwe,” ukhalile.
Ndisuke ndema apho ndimjongile. Ndixakiwe ukuba ndenze ntoni. Usule iinyembezi zakhe.

“Ndicinga ukuba kufuneka uhambe. Buya xa uthe wehla,” nditshilo.

“Kunganjani ukuba ndingaphindi ndibuye?” waphinda wasitsho isikhalo. Uphose i-tissue kum ebusweni.
Ukuphuma kwakhe egqwashumla, uSiphelo ubaleke wayokuhlala esituphini kwakhona. Ndiyambona ukuba uphelile yintsini. Ukuphuma kukaZimkhitha egeyithini uyothule phezulu intsini uSiphelo. Uhleke wehla iinyembezi ngezidlele.
Siphelo

Ndibethe umhlobo wam emagxeni: “Uyabona ngoku, ubengumxhaga wokwenyani.”

“Uthule wena. Andiqondi ukuba ngowenze ngcono.”

“Ngowuxelele uZimkhitha ukuba ubundiboleke indawo yokulala, usisidenge. I-slaap plek.”

“Ubuthe nca indlebe yakho emnyango. Uyazi mhlophe ukuba ngowungene nini ukuzokundithethelela. Kutheni ungayenzanga loo nto?”
Ndisuke ndamhleka umhlobo wam xa endibuza.

“Uyabona lo S’phe mfethu. Andimazi ukuba ngumntu onjani uZimkhitha. Nditsho ukuba ukudibana kwam naye ndandimxelele ukuba ndinayo intombazana eGugs,” ukhalazile umhlobo wam.

“Singamgxeka ngokubanomsindo uZimkhitha?”

“Andiqondi ukuba nguwe lowo S’phe. Ayinokuba nguwe lo uthetha ngolohlobo.”

“Ndicinga ukuba yiyo kanye into oyidingayo Bulela. Imfundiso ezisuka kumntu oyaziyo ukuba lomdlalo wamantombazana wenziwa njani.”

UBulela uye wandixelela ukuba ziphelile iibhiya efrijini. Sigqibezele esiziphetheyo emva koko ndiye ndahamba.
Kufuneka ndilungiselele ukuyokudibana noNqabisa esitishini sikaloliwe eFish Hoek ngofive.

Ukufika kwam esitishini uNqabisa ndimfumene oyame ngendlwana yefowuni. “Bendizakufowunela,” utsho kanye xa ndifika kuye. Ndimangile
ndazama ukumphuza entanyeni nasemlonyeni. Ukhawuleze wajika ndamfumana esidleleni.

“Yintoni Nqabi?”

“Uyangxama,” undiphendule watsho.
Nqabisa

Sikhwele iteksi eya e-Masi. Abantu bandijongile. Ingathi bayandazi ukuba andingowalapha.
USiphelo undigonile. Ingathi unamatshamba ke lo. Ndiyamthanda kodwa. Andizukumxelela ngokungxama ke leyo.

Ukwehlika kwethu kwindawo ayibiza Riverside, undixelele ukuba abazali bakhe kudala bethetha ngokuhamba kulendawo, kodwa abakayifumani indawo enkulu.

Ulahle amanqaku ke ezincwadini zam ngokundixelela oku. Ndithanda abantu babengabo, ububona, bangazenzi abanye abantu abangengabo.

“Jonga, ndiyawazi amabobosi bhuti, phola,” ndimxelele ndatsho.

“Owu ja, kanene usuka eBhayi. Anditsho ubuthe eMagxaki? Ndiyayazi ukuba nithi amatyotyombe ngamabobosi,” utsho umfana.

“Ndisuka eMotherwell, kodwa ndinazo izizalwane eMagxaki,” ndimlungise ndatsho.

“Nantsi indlu yam.” Ukhombe kwicango elimhlophe. Ndicinge ngokukhuseleka kwam. Elicango alomelelanga, kwaye alenzelwanga ukubangaphandle. Ndizixelele ndathi, “ndizakuhlala umzuzwana”.

Kodwa ndibe ndacinga ukuba noko iphambene leyo. Ukuba ndize ukusuka eSimons Town ndiphinde ndihambe ndingenzanganto noSiphelo.
Uvule umnyango watsho endibizela ngaphakathi.

Ukuphuma kwakhe esiya kuthenga isiselo esibandayo evenkileni ndithathe i-remote ye-TV ndayicofa-cofa. Kuvele umyalezo othi isivumelwano sakhe se-DSTV simisiwe.