Lithuba lam ngoku. U-Tammy uphosa ibhodi yam ngasenxwemeni aze andityhalele kwi-breaker.

“Phakama uyilande!” uyakhwaza.

Ndiphakamisa isifuba sam, ndivuthulule iinyawo zam ngaphantsi. Ndiyaphakama, iingalo zam zithe na ngokungathi ndiyabhabha. Umoya nolwandle ngokukhawuleza ziyahambelana zenze isandi esigudileyo esihahazayo. Ndileqa iliza, ndikhwele unxweme. Imincili iyavakala kum. Ndingayenza!

Iliza libetha amanzi ecaleni, lizama ukundiwisa, kodwa ndigoba amadolo am, ndijonge ngaphambili kwebhodi ngolu hlobo ebesibonise ngalo uTammy. Ndikhwela iliza elingxolayo elingxamileyo ukuya kutsho enxwemeni. Nditsiba kancinci njengoko libetha isanti.

“Kwakuhle, Yonela. Wowuuu!” U-Tammy ukhwaza emva kwam.

Phaya kude inkwenkwe uBongi, usineke ngamazinyo amhlophe. Okokuqala ndimbona encumile. Andikwazi kuzinceda- uncumo olukhulu lwahlula ukundiliseka kwam. Ndidada ndibuyela emanzini kuNomkhita noTammy. U-Nomkhita undinika i-high five.

“Uqhube kakuhle ntombi,” watsho.

“Le!” Wakhwaza uTammy. Ndiziphosa ebhodini ndadada kangangoko. Undityhale kancinci ndaphakama ndikhwele.

“Whoo heeee!” Andikwazi kuyinceda, ukuzingca okusuka ngaphakathi kum. Oku kulula.

Oku ndakuqeqeshela kumgqomo orusileyo kwindlela enamagingxigingxi yasefama. Ndiyintokazi etyibilika ngeplanga elizeni!

Ibhodi yam ibetha iliza elisecaleni lindithumele ndindlandlatheka elwandle. Ndiyazika, ngaphantsi. Ndiyapenika, ndiphuthaphutha umhlaba.

***

Khawusichazele: Ingaba uYonela uzokoyisa ukupenika? Njani?