‘Grumba, ugrumbe, khaba, ukhabe,’wayedla ngokutsho utata wam kum.

Ndiphakamisa intloko yam, ndiphuthaphuthe ndikhabe, njengoko wayendifundisile.

Ndiphefumla umoya owomileyo. Ndiyadada!

Ndimilisa iinyawo zam esantini. Ayenganzulwanga nokubanzulu. Ndiphakama ndihleka, amanzi olwandle enza mfiliba amehlo am. Ndiyakwazi ukudada! Enkosi, Tata.

Kanye apho, uNomkhita ugqitha engxamile kum ngebhodi yakhe. Ngeli xesha umilisele ngeenyawo zakhe. Iingalo zakhe zivulekile ngathi ngamaphiko, uhla enyuka imizuzwana, aze awele elwandle. Uyagxadazela, afinye amanzi.

“Uphumelele!”

U-Nomkhita uyahleka njengayizolo.

Emva kweyure sinyuka ulwandle noTammy, sirhaxiwe kwelinye icala kodwa sineqhayiya ngokupheleleyo.

Inkwenkwe uBongi uzokusinceda ngeebhodi ezisindayo. Uthi kum, “Uyifumene phi ibhalansi yakho kakade?”

Ndiyamjonga. Undincoma kakhulu? Hayi, amehlo akhe anokufun’ukwazi nje okunzulu.

“Ekukhweleni iinciniba,” Ndiyamxelela.

Ukuhleka kugcwele emehlweni akhe asabugolide bumdaka ngebala. “Uqeqesho olubalaseleyo!”

U-Nomkhita uva intambo itsala phakathi kukaBongi nam. Uyakhusela.

“Lumkela. U-Yonela ukhaba njengenciniba kananjalo.”

U-Bongi uyanqwala. “Ndiyakukholelwa.”

Kodwa ndinemvakalelo yokuba akukho mfuneko yokuyikhaba le nkwenkwe okanye ndibe ndiphakamisa naziphi na izixhobo. Ndinemvakalelo yokuba uza kuhlala kude de ave kum ukuba kulungile.

U-Nomkhita nam siyanxiba ngaphakathi kweetyhubhikile zesikolo sokutyibilika ngeplanga elizeni. U-Bongi usenzela iti eswiti asishiye sihlale kwizitulo ezimbini zeplastiki kwilanga lasebusika ukuze sifudumale. Izitulo zinombala o-orenji oqaqambileyo, ndiqaphela kanye u-orenji we-arm bands endazithengelwa ngutata wam. U-Nomkhita ujonga ijezi epinki endiyitsale phezu kweskipa sam.

“Heyi. Ndiyaqala ngqa ukukubona unxibe lo mbala.”

Ndiyawujonga. Yinyaniso. Ndiwunxibe ndingacinganga. Kwaye ungathi ndim. La krebe ungu-Adrian, kungekudala uzakuyazi ukuba ekungafanelanga udlale ngathi. Kodwa inye into engasoze ayazi. Undincede ndaphola.

***

Khawusichazele: Ukulwa u-Adrian kumncedile uYonela. Ucinga ukuba ngeyiphi indlela?