Imini kanobuhle ikhawuleze yafika, kwaye ngoku akusekho ukubuya ngamva. Udadethu akakafiki endlwini. Kufuneka andenze iinzipho, andifake nalamgubo wakhe wobuso. Undithembisile. Kodwa ndiyacinga ukuba ulele kulandoda yakhe kwakhona.

U-Agnes undenze iinwele. Undifakele iinwele zentengo ezithungela kumaflerho andenzewona. Lento isentloko kuwe izakuhlala usuku nje olunye. Sivumelene no-Agnes ukuba ukuphela komngenelo sizakuyikhulula. Ndifuna inkangeleko yam engaxokonyezelwanga.

Ndizicingele ukuba mhlawumbi ethubeni ndingazifakela iinwele, kodwa hayi ngoku, asiyonto ndiyifuna ngoku leyo.

“Molweni mantombazana, uxolo ngokufika emva kwexesha.” Ungene emnyango wabeka ibhegi yakhe phantsi u-Asanda. Asimphendulanga. Uqale ngeenzipho zam. Ukugqiba kwakhe uze ngobuso.
Kuwe elinye lalamacici siwancamathisele kum ezindlebeni. Undithe jezu ngamehlo.

“Nana ungathini ukwenza ubuxoki obunje?”

“Sisi, ndiyanyanzeliswa apha, ndim kanye oxokiselwayo. Andifuni ukungenela unobuhle. Andifuni ukujongeka ngoluhlobo nithi nina luhle. Ndifuna ukubandim qha.”

“Kudala ndicinga ukuba ziyakushiya wena, noba kukancinci nje. Ngoku ndifumene isiqinisekiso.”

“Eqongeni uYandiswa uhamba phambi kwam. Ingathi ngunodoli. Abantu bamqhwabele izandla. Uncumo ingathi lusuke laxhonywa nje ebusweni kuye. Inokuba amazinyo akhe ayabanda.

Kufuneka kungene mna ngoku. Intliziyo yam ibetha ngamandla. Ndizakuyeka nini ukwenza izinto endingazifuniyo, ndibendim qha? Namhlanje kufuneka ndiyenze lonto phambi kwabantu abangaphezulu emakhulwini amabini.

Ndingenile, ndizama kangangoko. Eqongeni ndikhawulezile kanobomi. U-Agnes uhleli kanye apha ngaphambili. Ndatyibilika, isihlangu esichophileyo asimanga kakuhle. Yekake ukubheka phantsi. U-Agnes ebesefikile endiganga.
Kukho umothuko kubabukeli, ulandelwe yintsini yamantombazana alikhulu. Ndibambelele ku-Agnes ndamqinisa. Andifuni kumyeka.
Nguyenamntu ndimthembileyo kweliholo.

Inqununu yethu indigodusile ngemoto bakubona ukuba ingalo yam ayophukanga. U-Agnes undiphathele iipilisi zeentlungu kowabo. Akandishiyanga. Uhleli nam ixesha elide.

“Ndicela ukhulule ezizinto ezindlebeni zam,” ndimcelile engekafiki ukubuya emsebenzini udadethu.

“Kufuneka sifunde ukwenza izinto ezisonwabisayo Nana,” utshilo. Usondele kum ngoku. Wandiphuza emilebeni. Eyakhe imilebe ithambile kwaye ayifani neyendoda ka-Asanda. Ndizicingele. Nam ndimphuzile.

Uvale umnyango ngelixesha aphumayo. Andifuni ahambe. Andiyazi eyona nto ndiyivayo ngaphathi ngoku.
Ngabobusuku phambi kokuba ndilale ndicinge ngamabali kamakhulu nokuba ayemnandi kangakanani. Wandibalisela ngomama owasebenza ngeCawa.

Lomama wabiwa yinyanga. Nanamhlanje sisambona egobile emlanjeni ekhelela amanzi e-emereni.
Ndicinge ngo-Agnes. Ingaba ayilunganga into endiyivayo ngaye? Ingaba ukuvakalelwa emantombazaneni kudala kukhona kum? Ingaba yinto ekukudala ndiyazi lena? Kutheni ndiziva ngohlobo elwahlukileyo kumanye amantombazana?