Umsebenzi wokufota umiselwa uMgqibelo ozayo. Ndigcwele nje iingcinga zawo iveki yonke.
Ngolo suku, ndikhwela uloliwe oya edolophini. Isitudiyo asisebenzisayo ngolo suku soyamene nekholeji apho afunda khona kwaye ligumbi elikhulu elizaliswe kukukhanya kwendalo.
Kukho malunga neshumi elinesihlanu labantu ababandakanyekayo kulo msebenzi wokufota – kukho abenzi beenwele, abahombisa ubuso, abajongene nezibane, kunye nabancedisi boosokhamera. Wonke umntu unobubele ngakum – ngoko nangoko ndiziva ngathi ndingusaziwayo!
Emva kwemizuzu elishumi, ndinxibe ilokhwe yasemkhosini. Kum, ikhangeleka ngathi yinto ephuma kwincwadi okanye kumfanekiso-bhanyabhanya wenzululwazi. Ikhola yayo inkulu kakhulu, kwaye izikhuseli zamagxa zikhangeleka ngathi ngamaphiko.
Ndibona uJonah esiza kum. Ndiziva ndineentloni kwesi sinxibo sam, kodwa andinazintloni njengoluya suku lokuqala sihlangana. Uvula iingalo zakhe ebonisa ukoneliseka.
“Akukholeleki oku! Ukhangeleka ngathi wenziwe ligcisa!”
Undikhokelela kwindawo ekusetyenzelwa kuyo. Ikhanya ngokugqithisileyo kwaye izibane zinezambreli ezizigqumileyo ukuze ukukhanya kuye kumacala ohlukileyo. Amehlo am aqalisa ukwehla iinyembezi nje ukuba ndihlale phantsi.
Ubuso bukaJonah bubonakala budanile. “Ingaba konke kuhamba KAKUHLE? Owu hayi, uya…lila?”
“Akukho nto,” nditshilo ndiqhwanyaqhwanyaza ukuze zingaphumi iinyembezi. “Ngamehlo am nje, abuthathaka kakhulu. Ngenxa ye…” Phambi kokuba ndithi “albinism”, uJonah uyanqwala, aze akhwaze, “Cuthani ukukhanya kwezibane!”
Ngokuqinisekileyo ngumphathi apha. Ngoko nangoko kucuthwa ukukhanya kwezibane, kwaye ndiyakwazi ngoku ukubona kwakhona.
Ukufota kudlula njengephupha, iphupha endinganqweneli ukuba liphele.
UJonah undixelela ukuba ndiyimodeli ngendalo, ubuso bam bubonakalisa uvakalelo, kwaye uyakuthanda ukunyaniseka endikubonisayo xa ndijonge kwikhamera.
Bendingazi ukuba ukunyaniseka sisakhono. Kodwa ke, ndisachulumancile.
Ngalo lonke ixesha ibhalbhu ilenyeza, ndiba nomfanekiso-ntelekelelo wokuba nguye endiphuza.