Ndiya esikolweni njengesiqhelo ngoMvulo kusasa.

Xa ndijikela ekoneni yepaseji ndibona uCarmen Hofmeyr kunye nabahlobo bakhe abakuluhlu lweengcungcu. Bonke bajonge ngomdla omkhulu kwi-iPad kaCarmen.

UCarmen undijonga ngokundiqwalasela. “Bendingayazi ukuba uyimodeli.” Uvakala esifa ngumona. Uyayiphakamisa i-iPad ukuze ndibone ukuba ujonge ntoni na.

“Zininzi izinto ongazaziyo ngam,” nditsho, ndize ndiguquke ndihambe ndibashiye apho.

Emva kwemini ndisekhaya kwaye uJonah undithumela umyalezo ngeselula.

Awufun’uy’ezimuvini ngempelaveki? Akuzubakho zibane ziphandlayo!
Ndazis’ub’unal’ithuba!

Uyikhumbule eyokuba andidibani nokukhanya okuqaqambileyo. Le ngcinga indifudumeza njengedangatye esiswini sam.

Ndeva ukuba imbi into yokuba amantombazana athumele impendulo ngokukhawuleza, kodwa andikhathali. Andingawo amanye amantombazana. Ndiyintombazana esefotweni –
ndilikroti, ndimhle ndinomtsalane kwaye andiceli xolo ngaloo nto.

Ndiphendula kwangoko kwaye iminwe yam inemihlali, njengokuba icofa amaqhosha.

Kungamnand’oko! Ndingavuya!
Ndifonele ngoLwesihlanu sicwangcise!

Ndiya esipilini. Kwenzeka ntoni? Ingaba ndiyatshintsha? Ndijonga ubuso bam, njengoko ndiqhele ukwenza njalo isigidi samaxesha. Ndijonga umlomo wam. Uncumile. Undenza ndikhangeleke ndohlukile. Andoyiki. Akukho ngathi ndiyazimela.

Ndicofa iqhosha elithi “thumela” ze ndincume. Ndiziva ngathi ndingaxhuma-xhuma ndiye emafini. Ndiziva ndifuna ukucula. Ndiziva ngathi ndongamele ihlabathi.