Yonke into yayilungisiwe. Naye umakhulu wayesemandleni kwakhona ehamba hamba. Itheko laliza kwenziwa kuMgqibelo olandelayo kwaye wonke umntu wayechwayitile. Ilali yonke yayiza kuza izokuvuyisana naye kweli theko lakhe nangaphezu koko bavuyisane naye kuba esinde ekutsheni ngumlilo.

Zafika iindaba, ziphokozwa ngumongameli ngokwakhe. UVuyo no Anathi babesele bevile ngale ntsholongwane yoyikekayo kodwa abazange bacinge ukuba iza kunwena –ngokukhawuleza kangaka. Basibukela esi saziso kumabonakude kanti nomakhulu wayebukele. Ukusukela kumhla wama-26 kwinyanga kaMatshi isiwe isizwe sonke saba phantsi kokuvalelwa-sekusele nje usuku phambi kokuba kwenziwe itheko lika makhulu lokuzalwa.

“Kuyagwetywa! Inene umgwebo usemnyango,” watsho umakhulu Tshezi esakuva le nto.

UMakhulu Tshezi wayesahlala kwindlu ayiqeshelwe nguVuyo kunye no Richard nosapho lwabo oluncinci. Babenaye nomntwana owayebaleka kuyo yonke indawo. Umakhulu Tshezi wayonwabile kwakhona, noxa ekuqaleni wayengavumi, kodwa ngoku kwakungathandiswa kuye.

UVuyo akasilibalanga isithembiso sakhe. Iintsuku zaba mbini nje ephumile esibhedlele umakhulu, ithokazana elimnyama namhlophe lenkomo yohlobo lweNguni yaziswa kwikhaya lakhe. Ngaphezulu kwaleyo uAnathi wayethengele umakhulu ifowuni entle yalamaxesha eyakhe yamsokolisa umakhulu engakwazi ukuyisebenzisa.

Akazange akwazi ukuzibamba iinyembezi xa ejonga elo thokazana lihle litsho ngempondo ezitsolo, nalo mehlo makhulu amnyama abengezelayo asuka amkhumbuza uMazomzi. Wayiyizela ezele luvuyo ngelizwi lakhe elirhabaxa de kwaphuma nabamelwane bencoma le nkomo inofele oluhle olukhazimlayo.

“Halalalal! Halalalal! Le kuyakuthiwa nguNomnyamazana.”

Yonke imihla umakhulu ebehamba aye kubukela ithokazi lakhe elitsha lisitya ingca kamnandi emva kwendlu yakhe. Wayenexhala lokuba kazi uza kuvunyelwa na ukuba amane ukutyelela ithokazi lakhe njengokuba babeyaliwe ukuba bahlale emakhaya.

UVuyo no Anathi babekhathazeke kakhulu. Kwenzeka njani ukuba le nto yenzeke phambi kwetheko. Imiyalelo bekufuneka igcinwe gqongqo, abantu bekufuneka behleli emakhaya. Izikolo zavalwa mba. Kwakungekho kutyelela mntu.

Uthe uVuyo xa efowunela umakhulu kwifowuni yakhe entsha ababemnike yona ukuze banxibelelane naye, wasuka wafixiza kodwa kwakungekho ndlela yimbi. Itheko kwakunyanzelekile ukuba limiswe. Zonke ezi zinto zazisele zilungiselwe eli theko kwanyanzeleka ukuba kukhe kuthiwe xha ngazo. Kwakufuneka atsalele umnxeba la ndawo wayeyibhatalele umakhulu wakhe eNamibia alurhoxise utyelelo lwabo.

“Singamkhupha umakhulu kwezi holide zikaDisemba ukuya eNamibia, noko kuya kube kusehlotyeni,” wacebisa uAnathi. “Ndiza kukhangela indawo enezaphulelo. Mhlawumbi noko ngelo xesha ilizwe lakube selimoyisile lo bhubhane?”

“Sakukwazi ukonwaba phandle elangeni xa le ntsholongwane sele iphelile kwaye norontabile kamakhulu egqityiwe ukulungiswa,” watsho ngethemba uVuyo.

UVuyo wafowunela oomalume bakhe ebachazela ngale ngcinga babenayo yokuba balenze itheko ngoDisemba, kanye phambi kweKhrisimesi xa wonke umntu ekhona ekhaya kwaye ekwimo yokubhiyoza. Wathumela umyalezo kumakhulu wakhe ngoWhatsaap kanye kula fowuni yakhe intle emchazela ngale ndlela baceba ngayo ngoku.

“Owu, aba bantwana banendlalo kodwa ngamanye amaxesha. UVuyo no Anathi bacinga ndiza kuyisebenzisa njani le fowuni inkulu kangaka?” watsho umakhulu Tshezi ezama ukufumana eli khasi likaWhatsapp kubuso bale fowuni.

“Kufuneka ube ngathi uyasula, Khulu,” uRichard wayemhleka qho umakhulu Tshezi xa emfundisa ukuba isetyenziswa njani le fowuni yala maxesha.

“Ndifuna ukuthumelela uVuyo noAnathi ifoto kaNomnyamazana,” waxelela uRichard. “Kuseza kuba lithuba elide ukuze ndibabone xa sivalelwe apha, singavumelekanga ukuphuma.”

URichard wambonisa ukuba ithathwa njani imifanekiso, waza ke umakhulu wathatha iifoto zethokazi lakhe elixabisekileyo.

URichard waqoboza iliso ejonge kwinkosikazi yakhe xa ebonisa umakhulu ukuba akhethe eyiphi ifoto kwezo foto wayezithathile, zinkungu, zingacacanga. Le fowuni yayikhawuleza kakhulu kunaloo minwe yakhe ingcangcazelayo, wayebaxelele nabo loo nto.

Kwezinye ifoto bekuvela kuphela imilenze yangaphambili kaNomnyamazana, ukanti kwezinye kuvele icala lobuso lodwa.

Wacofa igama “SEND”

Uthe esakuzifumana ezo foto uVuyo akayihleka intsini woma. Wayevuya kodwa kuba umakhulu Tshezi ebuyele kwisimo sakhe sangaphambili waza okokuqala ebomini bakhe wajonga phezulu wenza umthandazwana.

“Nceda Thixo, khawuphe intandanekazi yam impilo entle. Umsindise nakule corona. Ndiyamthanda. Ndimthanda kakhulu. Ndiyafuna ukumenzela eli theko ngoDisemba. Undenzele okuhle kodwa ebomini bam. Ndincede Nkosi.”

Watsho eqwalasele le foto inkungu umakhulu wayezifote yona, iselfie yakhe.

*****

Khawusixelele: UVuyo ufuna ukwenza eli theko lika Makhulu ngoDisemba. Yintoni ocinga ukuba iza kulenza libe yimpumelelo?