Imini yonke andikwazi ukwenza nayiphina into. Ndiyamcaphukela uDave kakhulu ndimbawela ngenqindi ebusweni. Kodwa nokuba ndingaba nalo elothuba, andicingi. Ndiligwala.

UPat, umphathi wam ukuqaphele ukudandatheka kwam waza wandibuza ngako. Ndiye ndazulisa ekuqaleni, kodwa ndasuka ndazala ngumsindo ndaphela sele ndimxelela ukuba kwenzeke ntoni.

“Kutheni unyamezela obo bubhanxa wena? Wabuza.

Ndazama ukukhangela isizathu kodwa andasifumana. “Kudala saba ngabahlobo. Kwaye silusapho olunye.”

“Ke ngoku?” UPat wandijonga ngokungathi ndishiywa zingqondo. “Abantu balahle izizalwane zabo ngenxa yezinto ezincinci kakhulu kunokungcatshwa.”

Andinampendulo.

UPat wahamba ehlunguzela intloko. Ndiyambona ucinga ukuba ndisisidenge ndikwalilo negwala. Unyanisile. Ndisisidenge kwaye ndikwalilo negwala. Andikwazi ukuziphendulela kuDave, nkqu nangokuya sasisengabantwana. Ndaziqhelisa ukungamhoyi ndisuke ndenze loo nto ayifunayo. Ngalo ndlela andizange ndibe ndizenzela intliziyo ebuhlungu ngaye.

Kodwa intliziyo yam ibuhlungu ngoku. Intliziyo yam yophukile.

Ndasebenza kwada kwahla ukuze ndimphephe uDave. Xa ndifika ekhaya ndalila. Ndalila ndililela uLilly, isithandwa sam sobomi bam. Ndazililela, ngokuba lityutyusi le gwala elibhetye bhetye.

Kusasa ndafowunela emsebenzini ndathi ndiyagula, ndaza ndachitha imini ndisitya laa suphu kaLilly ndaza ndabukela imiboniso bhanya-bhanya edakumbisayo. Andizange ndifune nokuphumela ngaphandle eflethini yam, kwaye ndingafuni nokumbona uDave. Ndiyazisola ngokungakwazi ukuzimela kuye, ndiziphendulele. Andisafuni nokuya nakwelo theko kakade.

Ngaphezu kwezinto zonke, ndiyazisola ngokuba seluthandweni olungaka noLilly.

Emva koko yakhala ifowuni yam. Andayiphakamisa tu; yenye nje yeenombolo endingazaziyo. Lo mntu waqalisa ukushiya umyalezo. Ndothuka ndabanda ndisakufumanisa ukuba ngubani: nguLilly. Ingaba ufuna ntoni bethu?

Ndawuphulaphula ngocoselelo loo myalezo wakhe.

“Hi Tumie, nguLilly. Bendikukhangela nje. Uziva njani? Ingaba ayikhange ikuncede la suphu? Ndicela undazise ukuba kukho enye into endingayenza. Ndifowunele.”

Ndalimamela ilizwi lalo myalezo amaxesha ngamaxesha ndiwuphinda-phinda. Ilizwi lakhe limnandi, liyapholisa. Yophuka intliziyo yam ngakumbi ukucinga ukuba ngoku angaba uyintombi kaDave.

Ndiyafuna ukumfowunela, kodwa andikwazi. Ndakuthini ukuba ndivele ndoyika ndakhala? Uyakucinga ntoni ngam? Hayi. Ndizakusuka ndiye emsebenzini ngomso ndize ndimazise indlela endiziva ngayo ngaye. Ngalo ndlela andisayi kube ndizisola.

***

Umbuzo: Ucinga ukuba uTumie uza kuba naso isibindi sokuxelela uLilly ukuba uziva njani?