Ndakhe ndamqwalasela uAndiswa ndisondele kuye ndingxamele ukuwolwa ngoko kuwolwa komhlaba. Yena unxibe nje ijini embatshileyo kwakunye netopu yakwaDaniel Hechter, ewenza amabele akhe andandalaze ngaphandle.

“Molo Sisi. Igama lam ndingu Wilfred. Ndicela ukuthetha nawe,” Ndatsho.

Wanga uyanyibilika okwe ayiskhrim igqatswe lilanga lasemini eLimpopo. Ndabona emehlweni akhe ukuba ubuntlonirha. Umzuzu wenyaniso wawufikile.

Kwakumele ukuba ngalo mzuzu mnye enze isigqibo esasinokubujika ubomi bakhe. Ndasondela ngakumbi kuye. Yena wema ngxi. Ndathandabuza, wayiqaphela loo nto wasuka wahleka intsini enesigqezu. Wazivula iingalo zakhe zathi na, nam ndasondela ngokucotha ndiwunambitha loo mzuzu. Ndamwola. Wayengasanuki kamnandi ngako! Ndasuka ndanga ndimkelwa ziingqondo endigonile njalo. Ndabulela intlahla endinayo ngobomi bam kulo mhlaba ukhululekileyo wase Mzantsi Afrika.

Yima ndikuxelele ngezopolitiko. Ewe, iipolitiki zokuwola umntu. Ukuwola umntu ngaphantsi kwemizuzwana emihlanu kuthetha ukuba singabahlobo, “Bekumnandi ukukubona.”  Ukuwolwa kwenene kuyalicothisa ixesha kwaye kuba ngaphaya kwemizuzwana emihlanu. Kwaye oko kuthi “sana ndicela undithande ngokuhlwanje.” Owona mthetho ungundoqo ngowokuba wena njengendoda, ungaze usuke kuqala xa ubugoniwe. Tshela ngokungathi kuphela ubomi bakho. Yeka ibe linenekazi elidubula izithonga zokuqala, kube njalo ke.

Ngoko ndatshela kuAndiswa de nokubetha kwentliziyo yam kwatshintsha isantya. Imiphakatho yam ndayiva ukuba ivuth’amalangatye – uphopho wam ngapha ngezantsi wasuka wema nkqo! Ndaphefumlela phezulu. Wayekelela kancinci, waza wandiyeka. Ndatsala ezantsi umxhelo wenkululeko ndasebeza kum ngaphakathi ukuba akumelanga kungxanywe ebomini. Ndakhe ndawunambitha loo mzuzu woyolo olu luncuthu. Uyabona ngalo mzuzu ndandisifa luthando oku ngathi ndiligatyana elisekwishumi elivisayo leminyaka.

Wandijonga ngqo emehlweni, waza wathi, “Ndimde njengawe. Yhuu, ndiyayithanda loo nto. Kodwa umama ufuna ukukubona phambi kokuba sihambe.”

Ndamjonga ndingakholelwa.

“Hayi bo, ubungekamxeleli na umama wakho ngam?” Ndafana ndagqushalaza ndikhalaza njengokuba endibambe ngesandla endisa endlwini kunina.

“Uyenze ntoni inkosazana yam?” labuza inenekazi eliphaya kumashumi amahlanu eminyaka ligxininisa.

Ndashwantshatha into engavakaliyo, ndazilungisa, ndixoka. “Uyintombi enobubele kwaye entle kakhulu. Ndiyamthanda, mama.”

“Phofu nokuba wena uyaxoka mfana wam, ndiyazi ukuba intombi yam iyakuthanda. Okoko ethetha ngawe umlibe, engayeki, zonke ezintsuku zintathu zidlulileyo.  Ukuba uza kumbuyisela endlwini yam ese sisiqu esipheleleyo, ndiyakukhululela.”

Ndanga ndiyaxhuma xhuma luvuyo. KwaZula-Natal awufumani ntsikelelo zikhawulezileyo ngathi zizidudu ezithengwa seziphekiwe, ngaphandle kokuba uza kukhupha iinkomo ezilishumi elinanye ezazimiselwa ngamagunya obukolonali. Saphuma endlwini kuloAndiswa sithene chu ngezandla oku ngathi singabathandanayo becondoba kwikhaphethi ebomvu yaseHollywood.Ndaqalisa ukumthanda, kuquka ndawonye nosapho lwakhe.

Mhlawumbi yayingamadlala obudoda awayendilawula. Mhlawumbi…

***

Khawusixelele: Ingaba luthando lwenene olu, nje emva kwemizuzu emihlanu bedibene? Okanye ke mhlawumbi kuqhuma inkanuko apha?