Kwaphinda kwangena umyalezo kwi-bhipa yam. Yafika kanye ngexesha elilungileyo ukuphelisa olo cwaka. Ndayiyeka yakhe yakhala ukuze la mazwi ale ngoma ithi: In My Time akhe adlale emoyeni. Ndazicelela uxolo ukuze ndiye kumamela le miyalezo. Lo myalezo uvela eTekhnikhon eNatal kwidesika yezokhenketho. 

Nceda qaphela ukuba itikithi lakho lokubuya lonyusiwe lasiwa kwizihlalo zoosomaqhuzu, ku- business class gabula makhumsha. Ulonwabele.

Ndancuma xa ndibuyela kuAndiswa noChris. Ingaba izinto bezingaba ngcono zithini na kunoku? UAndiswa wangena kwiOpel Astra yethu wahlala kwisihlalo esingasemva kunye nam. Ndabeka ingalo yam phezu kwakhe.

“Andiswa, uyazi yintoni?”

“Yintoni, Wilfred?” wabuza enoncumo olunesigezwana.

“Ungoyena mfazi mhle endakha ndambona. Uncumo lwakho luyandigqiba. Amadolo am asagevezela nangoku ngenxa yoncumo lwakho. Ndiyakudinga ebomini bam.” Ndatsho sele ndiyibaxa kuba ndifuna ukuzuza emva kwexesha .

Inyaniso yenene yeyokuba waye ligqiyazana elihle, kodwa ndiyazi ukuba asoze ndiphinde ndibuyele kuye emva kweeyure ezingamashumi asixhenxe anambini endandiza kuzichitha apho eBhayi. Lo ngumdlalo wabantu abadala abavumeleneyo. Naye kwelakhe icala, wazi kakuhle ukuba kumele aveze isimo esihle esinokuhlala sicacile ubomi bonke, kodwa ke ngoku yonke into ebesingayo yasiza kuphela emva kweeyure ezingama-72 .  Umyalelo ongabhalwanga uthi ‘akukho kuzinikela kwaphakade’ Sobabini siyiqonda kakuhle into yokuba angekhe sihlalelane umphelo. Nathi siyazi ukuba nengoma yee-Manhattan’s ithi, “let’s just kiss and say good-bye.”

“Undenzela iintloni, undenza ndincume okoko, Wilfred. UChris undixelele yonke into ngawe. Uthe ulikomanisi lenene, elinqula uMadela phandle, elisoloko liphahlwe ziintokazi ezintle ezimhlophe wee,  ezithanda ulonwabo. Uloluhlobo lwendoda ndilufunayo, ndiyazifela ngawe,” watsho, etsho ngolwancumo lwakhe luhle.

Andimamelanga kuphela amazwi akhe, kodwa obo bumnandi belizwi lakhe. Lingathi ngumculo omnandi weRnB. Ngokokwam phofu, bonke abafazi bamaXhosa xa bencokola babangathi zimvumi eziphambili. Wasondelela kum. Yayingathi ngumboniso ophuma kwezi ncwadi zothando zithengwa kakhulu. Sabambana ixesha elide, siphuzana kamnandi.

Lo Mzantsi Afrika mtsha ngathi yindawo yokuphapha yabafana abancinci abatsha, ngakumbi thina babe sakuba ngamatsha-ntliziyo omzabalazo. Naku ndilapha ndizonwabele kamnandi ndingenaxhala lamabhaku omthetho obandlululo andilaleleyo. Lixesha eliphucuke mpela lokuphila eli. Ndabe ndisitsho umthandazo wam osekelezelwe kubuKomanisi, ‘ukuba likhona izulu, ndidinga ukungcamla incasa yalo ngoku ndisaphila apha kulo mhlaba wethu.’

U-Andiswa wabuya umva kolo phuzwano lwethu lumnandi ngathi luphenjelelwa zidemoni. Phofu ekwenza oko ngesidima. Ngoku kwakungona ndinxanelwe olo lwimi lwakhe lunencasa. Ndema ngxi, ndamjonga emehlweni, ndamangaliswa bubuhle bobuso bakhe.

“Owu, ndincede sukundijonga ngolo hlobo,” watsho.

“Yhoo, la manzi e-orenji, incindi yencasa emnandi ivusa nezinja zilele,” ndatsho ngamagugu.

“Hey mfana womZulu, ingaba ufuna indawo yokulala kwangoku?” wabuza uChris ezele isigezo.

Andamhoya ngelixa ndijikelezisa izandla zam ndizifaka kwijini kaAndiswa ekrazukileyo.

***

Khawusixelele: Ingaba kulungile ukwabelana nomntu ngesondo ‘kungekho nto inidibanisayo’?