UBhuti Mvundla akasithandi tu isikolo β ukhetha ukuhlala ekhaya imini yonke, alale ebhedini! Wenza onke amaqhinga ukuzama ukuxokisa uMakhulu Mvundla ukuba amvumele angayi esikolweni, kodwa uMakhulu umnyazela ukuba aye esikolweni. Emva koko uBhuti Mvundla urhorhozela emva koSisi Mvundla ezirhuqa ukuba aye esikolweni. Ngoku uza necebo lakhe elikrelekrele lokuchitha usuku ekhaya. Phofu, ingaba usuku lwakhe luza kuba mnandi njengoko ecinga?
This story is also available in:
English
Afrikaans
isiZulu
Sesotho
Sepedi
***
This story was provided courtesy of the Nal’ibali reading-for enjoyment campaign. For information about the campaign, or tips and ideas on how to read and share stories with children, visit www.nalibali.org