UThulani uhleli phandle phantsi komthi obuthandwa kakhulu nguTamkhul’ uNathi.

Akanamdla wakudlala noThembi. Unqwenela ukuba uTamkhul’ uNathi ebengamfundela ibali.

UThembi unomsindo aze alahlele unodoli wakhe pha kude.

“Uswelekele ntoni kodwa uTamkhul’ uNathi!” UMama amtsale uThembi amsondeze kuye.

“Kulungile ukuba nomsindo,” utsho uMama. “Nam ndiyamkhumbula uTamkhul’ uNathi.”

Namhlanje uMama, uTata, uThulani noThembi banxibe iimpahla zabo zikanokutsho balungele ukuya ecaweni kumngcwabo kaTamkhul’ uNathi.

Bonke abantu bazele ukuzokhumbula uTamkhul’ uNathi

UMama ubamba isandla sikaThembi njengokuba becula iingoma ebezithandwa nguTamkhul’ uNathi.

Bonke abantu bayacula baze badanise nokudanisa.