UThembi noThulani bayathanda ukuya epakini noTamkhul’ uNathi.

Bayamthanda uTamkhul’ uNathi.

Kodwa uTamkhulu’ uNathi uyagula usesibhedlele. Amehlo akhe avaleke mbhaa!

Umatshini osecaleni kukaTamkhul’ uNathi umane usithi pipipip, pipipip, pipipip.

“Mama, kutheni engaculi nam nje uTamkhul’ uNathi?” uyabuza uThembi.

UMama uthi, “UTamkhul’ uNathi uyakuva.
Ucula nawe entliziyweni yakhe.

Balindile ekhaya ngasefestileni uThembi noThulani.

Lide eli xesha uMama noTata besesibhedlele.

Aze uThembi ababone uMama noTata besiza ngakwindawo yokupaka imoto.

“Babuyile!”

UMama no Tata banxunguphele kakhulu. “Kwenzekeni?” uyabuza uThembi.

Isisu sakhe siyaxuxuzela. Ilizwi likaMama litsholo ezantsi. “UTamkhul’ uNathi ebemdala
kwaye egula. Oogqirha abakwazanga ukumenza abengcono.”

Amehlo akhe awangazele ziinyembezi, “Asisayi kuphinda simbone kwakhona uTamkhul’ uNath