Kungekudala uLayla wathenga ngayo yonke loo mali yakhe. Kwakubanjalo ke uShireen wathi, “Masidlale umdlalo wesibhedlele.”
“Hayi,” wanqanda uLayla. “Bendidlalile nawe ivenkile. Ngoku masidibanise iphazili yam.”
Kodwa ngasizathu sithile, uShireen wayengekafuni ukuyidibanisa iphazili, ngoko ke wathi,
“Masidlale umdlalo wasesibhedlele ngoku size ke emva kwesidlo sasemini sidibanise iphazili.”
Benza ngokweminqweno kaShireen.
“Ndiza kuba ngugqirha,” watsho uShireen.
“Hayi, ubungunovenkile,” watsho uLayla. “Mna ke ndiza kuba ngugqirha.”
“Kodwa awukwazi ukuba ngugqirha,” watsho uShireen, “kuba uyazi ndim oyincutshe ekubeni ngugqirha.”
Ngenene ke, uShireen wabangugqirha waze ke uLayla yena wasisigulane!
Wathi xa aqalisa uGqirha Shireen ukuxilonga isigulane, saza isigulane sananjuzelelwa saze sagigitheka, asakwazi ukulala sizinze. Oko kwenza uGqirha Shireen ukuba asikhwaze, asingxolise, “Sukushukuma okanye andiphindi ndidlale nawe kwakhona.”
Kodwa phambi kokuba uGqirha Shireen acaphuke nangakumbi, umama kaLayla wababizela isidlo sasemini.
“Ndiyathemba ukuba nidlala kamnandi mantombazana,” watsho umama kaLayla.
“Ewe,” watsho uLayla owayesele elungele ukuluma iruti yakhe emnandi nezele ibhotolo eyenziwe ngamandongomane, iminqathe ecukuceziweyo neesultana. “Emva kwesidlo sasemini siza kudibanisa iphazili yam.”
“Andifuni kudibanisa phazili yakho mna,” watsho uShireen.
“Kodwa ubuthembisile nje,” watsho uLayla.
“Kunjalo, kodwa ngoku andisafuni. Ndifuna ukufaka imibala emifanekisweni,” watsho uShireen.
Ngoku, uLayla wayesele edikiwe kwaphela nguShireen nentetho yakhe “yokuba yincutshe kwinto yonke” kwaye wayemqumbele kuba engazigcini izithembiso zakhe. Kwakungekho nto yayiza kumnqanda ekudibanisi iphazili yakhe. Ngoko ke emva kwesidlo sasemini, uLayla wanika uShireen incwadi yokufaka imibala emifanekisweni kunye neekhrayoni ukuze uShireen afake imibala lo gama yena edibanisa iphazili yakhe. Kodwa ngelishwa kwakusele kushiyeke umfanekiso omnye kuphela ongenamibala, waze uShireen wakhawuleza wagqiba ukuwufaka imibala.