ULayla wayezithanda iiphazili eziyimifanekiso. Wayethanda nje yonke into ngazo − ukususela emfanekisweni osebhokisini ukuya kumzuzu afaka ngawo iceba lokugqibela endaweni elingena kuyo kwiphazili. Wayethanda nkqu nesandi kunye nendlela la maceba ephazili ayevakala ngayo eminweni yakhe xa emana ezisa ngapha nangapha ewajikelezisa okanye ewaqhuba etafileni. Ngoko ke qho ngoMgqibelo kusasa, xa umama wakhe emsa kwithala leencwadi xa ebuyisela iincwadi ukuze aboleke ezinye, uLayla wayeboleka nephazili yemifanekiso.

USothala wayezigcina zonke iiphazili kwishelufa esemva kwedesika yakhe kwaye qho ngoMgqibelo xa uLayla ecela ukujonga ukuba uza kuboleka eyiphi iphazili, usothala wayedla ngokuthi “Wowu, Layla, awuzithandi uphambene iiphazili!” Naye ke uLayla wayengakukhathalele nganto oku kuba ngokwenene ZAZIMPHAMBANISA nyhani iiphazili!

NgeMigqibelo emininzi emva kokuba kubuyiwe kwithala leencwadi, uShireen, oyena
mhlobo usenyongweni kaLayla, wayesiza kudlala naye. Kaloku, wayephantse abe ngoyena mhlobo uthandwa kakhulu nguLayla, qha wayenento enye nje embi – uShireen wayesoloko efuna ukuba yincutshe kwinto yonke.

Ngenye intsasa yangoMgqibelo, uLayla waboleka iphazili yomfanekiso kanomakhwezana kwithala leencwadi. Lo mfanekiso wawubonisa le ntaka iphezulu esibhakabhakeni itweze amaphiko ayo, ibambe intlanzi ngeenzipho zayo. Le phazili yayinamaceba amaninzi kunazo zonke awakha wazidibanisa uLayla. Kwakungaphelelanga apho, amaceba ale phazili ayemancinane kunazo zonke iiphazili awakhe wazidibanisa. Wayengasavuyi ngako uLayla! Kodwa uShireen wayengonwabanga kwaphela kuba yayinye nje kuphela into eyayifunwa nguLayla, yayikukudibanisa iphazili yakhe.

“Andifuni kudibanisa phazili ekruqulayo mna,” kwatsho uShireen. “Kungcono sidlale umdlalo wevenkile.”

“Kulungile ke,” wavuma uLayla, “emva koko ke siza kudibanisa iphazili yam.”

“Ndiza kuba ngunovenkile ke mna,” watsho uShireen, “kuba kaloku ndiyincutshe kanovenkile, wena ke ungangumthengi wam.”