Pic 4

“Ibali lam liyenze yaziva ingcono,” uSisanda uxelele utatomkhulu wakhe bakufika ekhaya.
USisanda wayeyindwendwela le ndlulamthi incinane ngamaxesha amaninzi asemva kwemini nangeempelaveki. Kwaye ngalo lonke ixesha eyindwendwela, wayeyiphathela ibali elitsha aza kwabelana ngalo nayo. Aba bahlobo babini batsha babekhangeleka befanelene kakhulu kangangokuba nabakhenkethi abadlulayo babebafota.

Kancinci-kancinci indlulamthi encinane yomelela. Abantu bomyezo wezilwanyana babeyikhathalele kakhulu kwaye nalo lonke uthando eyayilufumana kumhlobo wayo omtsha, uSisanda, lwalusebenza ngokomlingo.

Ngenye imini umlawuli womyezo wezilwanyana wacela uSisanda ukuba amthiye igama lo mhlobo wakhe mtsha.

“Ndicinga ukuba uThokozani ligama elimnandi,” watsho uSisanda.

Ngosuku olulandelayo umlawuli womyezo watsalela utitshala kaSisanda umnxeba. Wamema bonke abantwana abafunda eklasini kaSisanda ukuba beze emyezweni baze kubona uThokozani. Le ndlulamthi intle yayikhulile inde kwaye yomelele kwezi nyangana zintathu ukususela kutyelelo lokuqala lukaSisanda.

Ngomhla wohambo, abantwana abafunda ibanga le-3 abangamashumi amane babelinde ngothakazelelo ukuba kuvulwe amasango omyezo wezilwanyana. Emva koko, ngokuzingca okukhulu, uSisanda wakhokelela wonke ubani kuThokozani. Abanye babantwana bajonga indlulamthi ende bemangalisiwe. Abanye babo babegigitheka ngobuphakuphaku. Utitshala wabo, uNkosazana Khanyile, wasuka nje yena wazincumela.