Pic 3

Ngentsasa elandelayo uSisanda wavuka enecebo alicingileyo!

“Ndingaphangela nawe namhlanje?” wabuza kutata wakhe. “Ndinesipho endinqwenela ukusinika inkonyana yendlulamthi.”

Abazali bakhe bajongana, bancumelana baze bathi, “Ngokuqinisekileyo, ungaphangela nathi.”

Yayiyimini eshushu le kodwa kwakusibekele. Emyezweni kwakuzole apha ngendlela engaqhelekanga.

“Ndicinga ukuba ilanga aliphumanga namhlanje kuba lisizela inkonyana yendlulamthi,” watsho uSisanda.

Indlovukazi enkulu kakhulu yajonga olu sapho ludlula kuyo.

“Mhlawumbi ithe nqa ukuba kutheni intombazana encinane iphangela nabazali bayo nje,” watsho umama kaSisanda.

USisanda wanqwala. “Iza kumangaliswa ngakumbi xa ifumanisa esona sizathu,” wacinga njalo uSisanda.

Bayifumana inkonyana yendlulamthi imi yodwa. Yayithokombisile, ijingisa loo ntamo yayo inde naamehlo ayo amakhulu namdaka ayekhangeleka edangele. USisanda wasondela kangangoko anakho apha kuyo. Wavula ingxowana yakhe waza wakhupha kuyo incwadi. Emva koko, abazali bakhe bemangalisiwe, waqalisa ukufundela inkonyana yendlulamthi. Yajika intloko ilandela ilizwi lakhe yaze yamamela ngokungathi iyaliqonda igama ngalinye. Ekuqaleni, abazali bakaSisanda babecinga ukuba ukufundela indlulamthi yindlalo kwaye yinto engaqhelekanga, kodwa yaguquka indlela abacinga ngayo xa bebona indlela eyayizole ngayo inkonyana – amehlo ayo anobubele ejonge kuSisanda.