Pic 1

USisanda wayemde kakhulu xa kuthelekiswa neentanga zakhe – wayefuze utata wakhe. Wayefuze umama wakhe ngobuso bakhe obungqukuva kunye noncumo lwakhe oluhle. Bobabini abazali bakhe babevuka kwakusasa baye emsebenzini kumyezo wezilwanyana owawukufutshane. Ngethuba kungena isikolo sikaSisanda kunye nabahlobo bakhe, iinqwelo ngeenqwelo zabakhenkethi zazisele zithontelene emyezweni ukuya kubona izilwanyana zase-Afrika ezintle kunene.

Xa wayebhiyozela usuku lwakhe lokuzalwa kunyaka ophelileyo, uSisanda wafumana isipho esikhethekileyo – abazali bakhe babemfumanele imvume yokuba enze itheko lakhe kumyezo lowo wezilwanyana. Iindlulamthi ezisemyezweni zazinomdla wokusondela kweli qela labantu. Zazitsale iintamo zazo ezinde ukuze zikubone kakuhle okwakusenzeka ethekweni kwaye zazikhangeleka ngathi nazo ziyalifuna iqekezana lekeyiki. USisanda wayezithanda iindlulamthi. Zonke izilwanyana zazimenza umdla, kodwa yayiziindlulamthi ezithe cwaka nezizolileyo ezazibe umxhelo wakhe. Wayenokuzibukela imini yonke ukuba wayenokunikwa ithuba.