Yonke imihla xa uSisanda oneminyaka esibhozo efika ekhaya, evela esikolweni, wayekhulula impahla yakhe yesikolo, atye isidlo sakhe sasemini ze adlale umlabalaba kunye notatomkhulu wakhe. Babesonwaba kakhulu xa behambisa iinkomo zabo ebhodini kangangokuba wayengafuni ukuyeka. Kodwa ubeye utatomkhulu amkhumbuze ngokuba ufuna ukuba ngumphathi wasebankini ngenye imini xa sele ekhulile.

“Uza kuyenza njani loo nto ukuba akufuni ukuya kwisikolo samabanga aphakamileyo?” wayemqhula atsho utatomkhulu wakhe.

USisanda wayesuka ahleke. “ Hayi, ndiza kuya kwisikolo samabanga aphakamileyo nasedyunivesithi ngokunjalo. Yiyo loo nto ndisebenza nzima kangaka esikolweni!”