“Owu bethu, nasi ke esinye isandi,” watsho uGogo egobela ngakuBella. Mncwaa! waphuza uBella esidleleni. UBella walilibala ngoku inani lezandi azibalileyo, kodwa esi sona sasiqaqambile! “Esi sesona sandi ndisithandayo!” watsho encumile.

best-sound-illo8-col-flat3-lores

Ngexesha lokulala, uMama wabuza uBella wenjenje, “Uyasazi ukuba sesiphi esona sandi ndisithanda kakhulu mna?”

“Sesiphi?” wabuza uBella.

“Sesi!” watsho uMama, enyumbaza uBella esiswini.

Ha, ha, ha, gi, gi, gi, ha, ha, ha! wahleka uBella.

best-sound-illo9-col-flat-lores

Ewe! Intsini sesona sandi siqaqambileyo kwihlabathi jikelele. Awutsho?