UMama, uBella noNoodle behla ngendlela bebaleka, bajikela ekoneni besiya endlwini kaGogo. Bafike uGogo esekhitshini evuthela isandla sakhe ngamandla.

best-sound-illo6-col-flat-lores

Shuuuuuu! Ndizitshise esandleni ngengozi ngoba budenge bembiza eshushu!” wakhala esitsho uGogo.

“Sifake emanzini abandayo eli xa ndilanda ikiti yoncedo lokuqala,” watsho uMama, waza wathi ngqeee ukubuyela kwakhe – phaqa, phaqa, phaqa.

Wabuya ngokukhawuleza uMama ephethe ibhokisana encinci emhlophe nenomnqamlezo obomvu esicikweni. Wakhupha amafutha wathambisa isandla sikaGogo, waza akugqiba wasibopha ngebhandeji.

“Gogo, awuzukwazi ukupheka unesi sandla sibuhlungu,” watsho uMama. “Wena nosapho lwakho niza kutya nathi isopholo ngobu busuku.”

“Enkosi kakhulu,” watsho uGogo. “Thatha noba bubhanxa balaa mbiza ineembotyi uhambe nayo uyokongeza ekutyeni kwethu.”

Ngexesha lesidlo sangokuhlwa, kwafika uGogo nosapho lwakhe.

Mhmm, Mhmm! – benza eso sandi bakuva ivumba elimnandi lokutya okuphekwe ngekheri ngumama kaBella, kwaza kwagalelwa neembotyi zikaGogo. UNoodle naye waphakelwa kancinci esityeni sakhe. Xhafu, xhafu! wakutya konke wakugqiba ngephanyazo. Emva koko xhapha, xhapha. Wasela amanzi agcwele isitya sakhe!

“Ndiyavuya kakhulu nindivile xa ndigxwala, ndikhwaza,” watsho uGogo kuBella.

“Bendisabala izandi endizivayo ukuva kwam le ngxolo,” watsho uBella.