U Sbu upasele i striker phezulu ebaleni, saskora. U Mfundo no K8 bayipavi ngaphandle,
baphakamisa i laphu elimhlophe lipeyintwe lamagama “SBU – DLAL’I DISKI”

U Sbu uyabajonga ancume.

Ekuqaleni komdlalo, abanye abadlali baye bamjonga funny uSbu, kuba yayingumdlalo wesiqhelo weclub, engekho omnye umntu onefans ezimpavelayo. kodwa umdla ka K8 noMfundo wawuchaphazela nabanye, ekupheleni komdlalo nabadlali belinye icala babencumile. U referee uphelisa umdlalo, abadlali baphuma ebaleni bekhangela iibhotile zabo zamanzi.U K8 noMfundo bayizishayinisa ngokunikeza ngenaartjies.

‘Udlale kakuhle’, utsho uK8 kuSbu xa esiyo kuthatha ibhatyi yakhe es’tulweni. ‘For sho’, uyavuma Umfundo. ‘Ububaleka ibala lonke ingathi ungashiya ne bullet’. ‘Serious, ii bullets beziphum’ecaleni jo zikulinda udlule. Ndibone enye ibullet ibuza’ Ngu Sbu lo udlulayo?’ Enye isithi ‘Phepha!’

U K8 uye wadineka. ‘Awudinwa ku’thetha?’ Ubuzile.

‘Asoze!’ Utshilo uMfundo. ‘Ndithetha non stop. That’s why ndibizwa u Airtime.’

U Sbu uyahleka, abambe inaartjie ephoswa ngu K8.

‘Uphi uSongezwa?’ Ubuzile.

U Songezwa waye lilungu lokugqibela leqembu labo, babengakhange bambone iintsuku ezimbalwa.

‘Andinalwazi”, Utshilo uK8. ‘Ngoba?’

‘Eny’i outi engaqondakaliyo, ize kum xa kuphum’iskola yandinika leweyi.’ USbu ukhangela kwipokoto yebhatyi, akuphe imvlophu.

‘Yintoni leyo?’ UMfundo ubuzile. U Sbu unyus’amagxa,akazi.

‘Singambuza epatini, ukuba uzile,’ Utshilo uK8. ‘ Niyeza nina noyi two, andithi?’

Enye itshomi ka K8 enenyuku, uBulana, yayizakuba nembandla ngobo busuku, yayizakuba nkulu.

‘Ndizakutholakala embadleni?’ Ubuzile uMfundo. ‘Ndim imbadla! Ndishota nje ngenkundla ndenzeke!’

Emva kokuba begqibile ukutya, uSbu, uK8 noMfundo baya kwi transi ka K8.

Phezulu estendini, ezimele emva kwe pillar, uSongezwa ubabukele behamba.

U Songezwa uyazimela kwiitshomi zakhe. Kutheni?