Indlela ngakwaBulana yayi thayidile zitransi.

Uninzi lwazo izezabantu abeze embadleni. Kwanyanzeleka apake feranyana uK8.
Nangona be ver, babesiva isandi somculo ophuma embadleni.

U Sbu noAirtime zazininzi iimbadla ababeyekuzo noK8, owayesoloko ebavayisa kwizinto ezenzekayo edolophini. Badibana naye kwiminyaka emibini edlulileyo, kumboniso wemizobo eholweni yoluntu. Iskolo sika Sbu sasinomboniso wemisebenzi ephambili kwiklasi yobugcisa. Omnye walemifanekiso yayingoka Sbu.

Xa esiyakubona lomboniso, wadibana no K8 ngaphandle ezoba imifanekiso engendalo kwenye yeendonga. Wasithanda istayile sakhe, esasidibanisa igraffiti nestensile kodwa akathetha nto de kufike uMfundo owamphaphela encokola naye.

U Mfundo wam memela ngaphakathi azobona umfanekiso ka Sbu. Yayingumfanekiso kagogo wakhe, enziwe ngelahle.

U K8 wawuthanda kakhulu kangangokuba wam mema ukuba amncedisa ekugqibeni lo mfanekiso wasedongeni ebewenza. Emva kokuba begqibile, bahlulelana ngemali yalo msebenzi. uK8 wam mema ukuba bapeyinte olunye udonga ngempela veki ezayo. Wavuma.

Ukususela ngoku baba liqembu bepeyinta idolophu yonke. uMfundo neclassmate yakhe uSongezwa baba joyina emva kokuba bebasiwe nabo kwi graffiti.

Babesiya kwindawo ezintsha bedibana nabantu abatsha. Kodwa babengazange baya kwenje imbadla.

U Sbu wayengamazi uBulana kodwa kwakucace mhlophe ukuba unemali.

Indlu yakhe yayi libhotwe.Yayine balcony ebanzi ejonge phezu kolwandle, inepuli ezantsi.
Ngale njikalanga, kwakukho ibhari yeziselo zamahala, UDJ esenza adume ngazo. Kwakuthe sa izihlalo ezitofotofo apho bambi beringa okanye begqulana.

U K8 way’obulisa uBulana , uMfundo wasingisa ngeqonga lokudanisa ngase pulini edanisa nayo nay’phi intombazana efumanekaya.

‘Yithi Airtime qha wena!’ Waye baxelela. U Sbu wayeme yedwa.

Wayecinga ukuba ayoqinisekisa ukuba uMfundo akamoshi,njenges’qhelo, suka abone e balcony eyona medi yomhlaba.

Yeyiphi eyona mbadla emnandi okhe waya kuyo?