[UZodwa noThembisa bahleli bayancokola, balungisa iinwele. Iindaba ziphuma zilandelelana. Phofu yintoni enye, ngaphandle kwezothando!]

UThembisa: Khawutsho Zodwa, banjani abantwana bakho?

UZodwa: Bayaphila, Thembisa. Sebebadala!

UThembisa: Uphi uThemba? Nangoku akakafuni ukulobola?

UZodwa: Owu! mntwan’omntu. Ungayiphathi leyo. Mna noThemba besifanele ukuba sesatshata kudala.

UThembisa: Kakade yintoni eyanohlukanisayo?

UZodwa: Ingxaki nguMaMpinga, umama wakhe. Uyazi nje nawe sisakhula ukuba sasingahlukani noThemba. Ndandisithi siyakohlukaniswa kukufa.

UThembisa: Ndiye ndimbone uNobuhle intombi kaThemba, edimfiza engena khona.

UZodwa: Ungayiphathi leyo. Kusuke kuthi mandizibulale.

UThembisa: Bayahlupha kodwa noomama abafuna ukukhethela abantwana babo. Yintoni kakade ababeyibona kuNobuhle?

UZodwa: Into eyabangela loo nto yile. UNobuhle wathi esaqala ukusebenza kakuhle, wamana enika uMaMpinga imali.

UThembisa: Nyhani?

UZodwa: Ewe, mhlobo wam, kunjalo. Kodwa ndiyakukhe ndibona ukuba iyakuphelelaphi na. Nanga amehlo entloko.

UThembisa: Awu, yintoni ebangela uthethe njalo?

UZodwa: Izolo bendiyokubona abantwana. Kaloku wabathatha uThemba. Bahlala naye kowabo. UMaMpinga uye wandibizela ecaleni.

UThembisa: Awu, uthini na?

UZodwa: Wathi, “Mntwan’am, Zodwa, wena sowufana nomntwana walapha ekhaya. Ayikho into endingakufihlela yona.”

UThembisa: Awu, njalo nje. Andithi izolo oku ebekubiza ngazo zonke izinto ezi?

UZodwa: Kakade kunjalo. Kusemhlabeni apha. Izinto
zihamba ziguquke.

UThembisa: Qhuba, dade, watsho esithini ke?

UZodwa: Andithi kaloku uNobuhle lowo wakho ebebanika imali, edilika. Namhlanje, izinto zijikile. Iimpukane eziluhlaza zithi uthi mhla batshata noThemba, uyakuyikhuphela phandle yonke le mpahla yabo igugileyo. Angenise umnyonyovu wefenitshala yendlu entsha.

UThembisa: Phofu ukhathazwa yintoni umamazala wakho kuloo nto?

UZodwa: Uyabuza, Thembisa? Awuboni ukuba xa ifenitshala endala iphuma ngesango, konke nditsho nomnikaziwayo uyaphuma?

UThembisa: He! Hayi wazincokola indaba! Ndiyakukhe ndive isiphelo sazo. Nali nelanga selitshona. Mandihambe. Ndizakukubona ngomso, ntombi. Usale kakuhle mhlobo wam.

UZodwa: Uhambe kakuhle nawe!