[Sekudlule iinyanga ezimbini. UThemba uhleli kunye noMaMpinga, umama wakhe. Amakhwenkwe akhe uVuyani noMadoda badlala phandle. UThemba uncokolela uMaMpinga ukuba abaqeshi bakhe bathe baza kuwonyusa umvuzo wakhe.]

UThemba: Eyi, mama ingathi liphupha ezi ndaba. Kudala imali ndiyifuna, bengavumi nayo abelungu. Inene kuyinyaniso, ukuba izinyanya zakuthi zindijongile.

UMaMpinga: Zamnandi mntwan’am ezi ndaba ufika nazo. Kudala ke nook wasebenza kule femu, usebenza ngokuthembeka.

UThemba: Jonga ke mama ukuba bese ndifana negusha ehamba yodwa, njengokuba iintanga zam sezatshata, zinemizi yazo.

UMaMpinga: Hayi bo, kanti ubucinge wade wafika apho! Ndishiyeke nabani mna mntwan’am xa unokutshata?

UThemba: Andithi kaloku nawe uzakutsho ufumane umakoti. Uzakuhlala nawe, akujonge.

UMaMpinga: Phofu kuhle noko. Kodwa ke, ngubani owaziyo ukuba sakuphathana njani naye? Kakade khona khawutsho,
sele umbonile umfazi?

UThemba: Ndibona ukuba ndithathe uNobuhle kuba uyavana naye. Futhi nabantwana sebemazi.

UMaMpinga: Awu! Ndiyeke!

UThemba: Wothuka mama. Yintoni, kutheni?

UMaMpinga: Themba, umele ukuba undixolele. Umntu uyazona izinto esithi uyakha.

UThemba: Ndicebise, mama. Yintoni le ufuna ukundixelela yona?

UMaMpinga: Ndona Themba ngelaa xesha ndandisithi yahlukana nomama wabantwana bakho, uZodwa. UNobuhle uneentetha ezimbi.

UThemba: Hayi bo!

UMaMpinga: Uthi iyakuphuma yonke le mpahla yam indala mhla natshata. Kum ke, oku kuyafana nokuba akandifuni. Nasebantwaneni andiqondi ukuba uyakuba nayo impatho. Into engcono kukuba niphume nifune owenu umzi, ndisale ndihlupheka naba bantwana.

UThemba: Hayi, ziyandixaka ezi ndaba. Bendisithi uzakuvuya xa ndikuxelela ukuba ndizakutshata uNobuhle. Eneneni olwam uthando belusaziwa yintliziyo yam.

UMaMpinga: Ngenene mntwan’am, ndiyaphinda. Ndithi ndixolele.

UThemba: Kuza kufuneka khe ndizinike ithuba, ndiyibuyise ingqondo. Azi uZodwa uyakundixolela na!

[The End]

*****

Ukubulela

Sibulela i-SHARE eyaqala ukuguqulela le ncwadi “Inkinga kaNompi noThemba” esiXhoseni. Sibulela uWendy Walton, uDumisani Ntombela, uLinda Mdaka noTimo Fani ngokuncedisa ukuyihlela. Sibulela aba balandelayo ngenkxaso yabo ekuvavanyeni le ncwadi: uDerek Peo noAubrey Zigoxo (ECALP, Port Elizabeth), uRuth Pantland, uVuyani Ngcipe noGloria Mabeka (ECALP, Somerset East).

Ukufumana ulwazi olubanzi yiya kwa www.newreaders.org.za