Ndikhumbula elinye ibali lemoto eyayibizwa ngokuba “yiBlack Cat.” Yayivela eVryheid kwaye yayiyingozi kakhulu. Thina bantu abangoomama sasiyoyika kakhulu le moto kuba yayifuna ukumka nabantwana bethu iyokwenza amayeza ngabo.

Ngenye imini ndaya kuphuthuma intombi yam, uZandile, esikolweni. Ndadibana namakhwenkwe ndawaxelela ukuba mawagoduke kuba iBlack Cat yayikufutshane. Bathi abamazi ukuba uphi na uZandile.

Ndajonga kuyo yonke indawo kodwa andayibona intombi yam. Emva koko ndabona abanye abantwana ndababuza, “Khange nimbone uZandile?” Omnye wandibiza wathi, “Jonga, Mama, uZandile usegumbini lokufundela.” Saya kumjonga samfumana ekhona nyhani.

Wathi, “Ndihleli apha kuba ndifuna ukugqibezela umsebenzi wam wesiNgesi.” Ndathi, “Hayi, ndibulela uMdali kuba ndikufumene.”

Sinento ehlekisayo ekhaya. U-Dumisani, umnak’uboZandile wambuza ukuba washiyekelani esikolweni. Wathi, “Andifuni ukufana nawe kuba awusazi isiNgesi.”