Ndikhumbula ingxaki enkulu esasibanayo xa sasikhula KwaMashu. Leyo yayiyingxaki yeValiyenti emhlophe. Sasiyoyika kakhulu loo moto kuba yayiyeyootsotsi.
Sasikhwela iibhasi neeteksi xa sisiya esikolweni kuba sasisoyika ukulandelwa yiloo moto.
Kodwa ngamanye amaxesha besingabinayo imali yokubhatala iiteksi, ngoko ke besihamba ngeenyawo ukuya esikolweni. Besizama ukuzimela phakathi kwezindlu xa sibona loo moto iyiValiyenti emhlophe. Kaloku sasisazi ukuba xa bathe basibona abatsotsi bangasibulala okanye bamke nathi.
Ngenye imini seva ukuba aba tsotsi bafumene ingozi yemoto. Bathe xa besiya elunxwemeni baleqwa ngamapolisa. Le moto yaba tsotsi yayibaleka ngesantya esiphezulu kakhulu, yaze ke yabhukuqa.
Omnye wabo wabhubha, omnye ekwakusithiwa nguBafana, waqhawuka ingalo. Kwasala utsotsi omnye. Lowo ke yayingumphathi wabo.
Sacinga ukuba yonke into iyakubangcono, kuba ngoku umphathi wayeshiyeke yedwa. Nangona kunjalo, lo mphathi waqhubeke esenza izinto ezininzi ezimbi.
Ngenye imini lo mphathi watyelela umhlobokazi wakhe esection E. Uthe ngoku elapho wacinga ukuba makahlambe imoto yakhe. U-Vusi ke, ongubhuti womhlobokazi walo mphathi waphuma phandle.
U-Vusi wayemcaphukela lo mphathi, ngoko ke wathabatha imela yakhe wamhlaba wabhubha. Owu, sonke ke seva ukuba uVusi umbulele. Owu, sonke savuya kakhulu ngaloo mini.
Sasimthembisa uVusi ukuba sakumtyelela entolongweni kwaye simphathele ukutya. Sathi akasoze ahlupheke.
Futhi sasifuna ukuxelela amapolisa ukuba sikruqukile ngulo mphathi. Mhlawumbi wayezakwakha elinye iqela lootsotsi.
U-Vusi zange ahlale ixesha elide entolongweni. Wahlala nje iintsukwana ezimbalwa, aze amapolisa athi, “Owu, mininzi iminyaka sifuna ukumbamba to mphathi. Ngoku ke wena uVusi ungaphuma entolongweni.”