Sikwindawo yaseMadwaleni apho sidibana nomfana osemtsha ekuthiwa nguThamsanqa wakwaMendu. Lomfana ukhulele kweli leMpumakoloni, wafunda kwalapha eMadwaleni. Lentwana ingumntu ongahambi indawo lena yonke. Umzi kayise ayingomzi waziwa ngazinto ziphucukileyo nazinto zinaxabiso. Oku kwakumenza abe nobunzima ukufumana umntu anokuncuma naye.

Kuye ubom besidyolo babuhamba kanje: ukuba awunanto intombi yakho izothathwa ngoqhuba inqwelo. Kanti naye angathathelwa ngoqhuba iguru-guru, kwaye naye umnikazi weguru-guru angazithathela nje kuye.

Lentwana yona yayizithandela uSindiswa Msengana. USindiswa yintombi kasomashishini owaziwayo kweli lamaBomvana. Uyise uMadevu yindoda eyazenzela igama ngoshishino. Into enye eyayimbetha lomfana kulentombi, yona yayingamazi negama eli lakhe.

Wazimisela ukuba uzofuna ukwazi ngayo yonke into anokuyifumana ngoSindiswa lo. Wamana ezidlulisa ngako wabo mihla le ukuze ambone. Kubantwana abamana besiya kwaMadevu, wamana ebuza izinto ezingathi azinamsebenzi. Nakumashishini akowabo wangena engenile xa kukho lentombi, ngokungathi uthutha ubisi kwebhokhwe ebuhlanti. Kaloku umfo lo wena uliciko kwaye angakuqhatha ekujonge emehlweni umkholelwe nawe.

Ngenye imini uthe esangena kwelishishini kanti lentombi ihleli yodwa namhlanje. Wathi esothuka yabe sekukudala imjongile, kwaye incumile. Akazange aqonde nokuba yayincume kuba ibona yena enguThamsanqa na, okanye kuba isenza njalo kubo bonke abathengi.

“Molo nkosazana,” watsho ezama ukufihla umothuko.

“Molo bhuti,” yatsho intombazana ngelimyoli ilizwi eli.

“Uncumo lwakho luyenze yaqaqamba okwentyatyambo imini yam. Ukuba ungahlala uncume kanje, ungenza umahluko ebantwini abafana nam,” watsho uThamsanqa encumile naye.

“Hayi bhuti noko sewundintlama kengoku,” watsho uSindiswa esancumile noko.
“Andikuntlami konke, ndithetha endikubonayo. Ndinqwenela ukuba ungazibona ngendlela endikubona ngayo mna. Wena uphethe ilizwe entendeni yesandla sakho,” watsho umfana esondeza intaka emgibeni.

“Undibona njani wena?” wabuza umntwana wabantu.

“Ndiqwalasele ityathangana lesilivere elisesihlahleni namajikazi akho abomvu, ube ungakwazi ukunxiba mangaphezulu. Loonto ikwenza ubonakale njengomntu ozibona engumntu othobekileyo. Unoncumo olungazenzisiyo kubantu bonke, kwaye lonto ikwenza ndikubone ungumntu onothando novelwano ngabantu. Indlela othetha ngayo nabantu ixela imbeko nengqeqesho…”

Kwangena uManqolo, umfazi welali ezothenga.

“Nkosazana emhlophe, ndicela ukubuza ukuba ninayo i- Steak and Kidney Pie?” wabuza umfana ebetha koomofu.

“Hayi bhuti. Kaloku lena yivenkile yasezilalini,” watsho uSindiswa ehleka.

“Ndizophinda ndifike ngomso kwangelixesha ukuzojonga ukuba anikabi nayo na,” watsho lomfana ebuya umva ukuze uManqolo adlule.

“Nangomso bazokuxelela kwalento inye bhuti njena,” watsho uSindiswa.

“Loonto yenze ukuba ndibelapha nangosuku olulandelayo kwangelixesha linye. Uzobe ungekho wena ngomso?” wabuza uThamsanqa.

“Ndiya enkomfeni yolutsha eMonti, izobe ingolwesithathu yona njengokuba kungoMvulo namhlanje,” watsho uSindiswa.

“Uhambe kakuhle nkosazana emhlophe. Nam mandihambe ungekalahlekelwa ngabathengi,” watsho ejika ehamba umfana eyishiya intombi imjongile ngoncumo.

“Enkosi bhuti ngencoko yakho,” wamkhapha ngaloo mazwi uSindiswa lomfana esithela ekoneni. Wajika wathengisela uManqolo encumile ngokugqithisileyo.

Kwasa okungaliyo wavuka uThamsanqa walungiselela ukuya emgidini. Wathi akugqiba ukulungiselela wavulela iinkomo zakowabo wazityhala ukuze ziyobhuqa emasimini ezantsi. Wabuya waya emgidini ehamba ngendlela yakhe egwegwelezayo ukuyokudlula ngakuloSindiswa ukuze ambone phambi kokuba ahambe uSindiswa.

Waba nodano xa edlula kusavaliwe eminyango kungekho mntu phandle. Wathi chu lomfo emana ukunyeka ukuba akazumbona na nokuba kukanye nje. Wamana ephosa umrhaji egxeni ecinga ukuba noko izinja zingamqaphelisa. Kodwa kuba zazimazi zasuka zamjonga nje azamsaso. Waqhubeleka ke nehambo yakhe ecinga ngoSindiswa. Ude wayoqabela endleleni ngasesangweni lesibhedlele emana ukuma ajonge emva.

Wadibana nentanga yakhe uMandisi naye esiya emgidini.

“Yhe kwedini yentang’am. Kutheni wamana ukujijitheka ngathi nguphunguphungu? Kukho umntu omlindileyo na ozayo ngemva?” wabuza uMandisi.

“Akunjalo mfondini. Qha, kukho ntakazana ingathi iyandishiya mfo kabawo,” watsho uThamsanqa.

“Intombi kulendawo? Ungavunywa yeyiphi mfondini ungenanto yakubheja nje? Sukudlala undize emini wena kwedini. Ngubani khona loontombi uyincwasileyo?” wabuza uMandisi.

“Mfondini ngawohlukane nokusoloko ugalela amanzi incoko. Ndimncwasile lamntwana kaMadevu kuthiwa nguSindiswa,” watsho uThamsanqa.

“Kwowu! Chitha loomanzi mfo kabawo, akukho kwankukhu izawuxhelwa apha. Uhlalisana eMthatha lowo, ubuya nje ngempelaveki kuphela,” watsho uMandisi omile yintsini.

“Mna kaloku ndizobe ndibamba ezi zimbini iintsuku de kulunge nakum,” watsho uThamsanqa ebudana yile ayivayo ngoMandisi. Bathi chu behamba bencokola zimbi ukuya emzini onomgidi.

***

Xoxa: Ingaba ungamcebisa uthini uThamsanqa?