“Ndifuna ukuya engcwabeni lakhe. Ndinezinto endifuna ukumxelela zona umama,” yatsholo phantsi lentwana iphakamisa intloko.

“Nakanjani ngoLwesibini sizokuya ezilalini,” watsho uNomonde ngelithembisayo.

“Loonto indinika iintsuku ezimbini ukulungiselela uhambo. Ndizakubuyisela iindleko zakho ukwamkela kwam,” watsho ephakama uMava.

Wabuka iKapa elijongele bucala ngakwibala lemidlalo iGreen Point.

“Kodwa ukuba ngumthwalo ebantwini kwandenza. Yini mama ukundishiya ndingento kulomhlaba? Yhini na lento ndasoloko ndingumpha ochutywe walahlwa kulomhlaba? Ndalahlwa ngutata ondizalayo ndiyimveku. Umama zange azame nokundikhulisa, wandilahla okweshologu. Ndacholwa yingelosi eyandithanda yandenza umntu ndingento. Nayo uThixo wayithathela ezandleni zakhe ukuze ndisale ndodwa kulomhlaba. Nomakhulu ebendishiywe naye undidudule njengedimoni, endibiza ngayo yonke into ephantsi kwelanga embi.

“Nawe ndikucebisa ukuba ubaleke ngoku lingekakutshoneli emini. Amashwa avelela mna osulela nabani na ovula izandla zakhe andamkele. Kwabe bekufe mna nelishwa elisemva kwam, kungahambi umama wam. Kodwa! Kodwa! Kooddwwwaa! Ukufa ndiyakuzonda ngokundithathela umama wam.

“Kange ndifumane nexesha lokumxelela indlela endimthanda ngayo. Ukuba bendimkhusele ekuguleni kwakhe ngengabhubhanga umama. Ndim owamzela nelishwa umama onwabile eyinzwakayi. Wandithwala kumahla ndinyuka obunzima bobom baseGoli. Ndiyakuqalekisa ukufa ngokubulala umama wam,” watsho lomntwana kwasika emazantsi esisu kuNomonde.

Wazigquma walila, kubuhlungu emphefumlweni zingcinga zokufa kukaNobuntu udade wabo.

“Thuthuzeleka Mdange kaTshiwo, thula Mgcaleka kaPhalo. Qina s’thandwa sam kuzolunga,” watsho naye efixiza.

Lahamba elalomini lidlula nezalo eKapa. UNomonde wayesacinga ngomfo wabo, uMava, nendlela awayeza kumxelela ngayo ibali lakhe unyana wakhe. Ngobo busuku wamcela ukuba amncedise baqoqoshe iincwadi zakhe kwigumbi lakhe lokusebenzela.

Wawunokuliva ivumba lenyama eyayiqhotswa kwigumbi lokuphekela. UNomonde wayefuna ithuba lokwazi lentwana ngcono. Wayengayazi ukuba yazi ntoni ngoyise. Kwaye wayenoloyiko lentiyo enoba iyagquba kuloontliziyo. Kodwa wayezimisele ukuba amxelele ngoyise bengekafiki ezilalini.

Wayengayazi nokuba abaxelele na ezilalini ukuba uMava unonyana omdala kwaye ubuyile ngoku. Wafana nje wamana encuma ngathi umka nomsinga efihla eyayibhalwe ebusweni.

“Ke MTshawe! Wazi ntoni ngotata wakho uMava?” wabuza uNomonde enxuse umviko ngentetho.

“Wazalelwa eTranskei, watsiba umda ngexesha lengcinezelo. Wazibandakanya nomkhosi we-APLA, eZimbabwe iminyaka esenza uqeqesho apho. Wabuya ngo1996 ehamba nomama, uTsholofelo Taole, naye owayelapho elijoni. Bahlalisana eDiep-Kloof ixesha elide apho ndazalelwa khona mna.

“Kuthiwa ngumama mna ndisemncinci ndinenyanga okanye ezimbini utata waweliswa umda obheka eZimbabwe ngenxa yokungabi namaphepha amxelayo ukuba ungubani, wabe yena esebenza eRhawutini njengonogada. Ndiphelele apho ukumazi utata mna, nokuba wafela khona inyangana nje efike phaya kukugula,”

Wayebambe ongezantsi uNomonde

“Ngubani owakuxelela loonto?”

“NguMakhulu, ndayifunda nasemaphepheni,” watsho umntwana.

“UNobuntu noMoses badibana phi?” wabuza uNomonde.

“Badibana esikolweni sam kukho intlanganiso. UMoses Dube yena wayefundisa khona. Emva koko babonana qho ngempelaveki kwimiboniso bhanya-bhanya. Emva konyaka batshata. UMoses akukho ebengandenzeli kona ebomini bam. Yena nomama ngenye imini baxhwilwa yimigewu yathatha imoto katata. Bona yabavalela egumbini lokugcina imikhenkce eAlexandra ubusuku bonke.

“Bafunyanwa ngabasebenzi ukufika kwabo ngemini elandelayo. Ukusukela ngaloomini zange baphinde baphile ncam. Utata waswelekela esibhedlele kwiveki elandelayo. Umama wayequqa ebuyelela esibhedlela, de kwabe uyandilahleka nje,”

Wancuma uNomonde wolula isandla emphatha egxalabeni wathi, “Ukusukela namhlanje kulapha kokwenu. Soze ndivumele intliziyo yakho iphinde yaphuke. Konke okwam kokwakho, yonke endinako ukukwenzela uzobanayo,” watsho emqondisisa.

“Ngomso ndinike izitshixo zalamoto yakho ndiphangele ngayo,”

“Kuzofuneka sithethe ngaleyo,” watsho uNomonde emjonge ebusweni uMava. Wagigitheka uMava exhelelw’eXhukwane kukuthatheka kukaNomonde.

“Uyafana nomama wena, uthatheka lula yindlalo,” watsho ephelile yintsini.

Mfundi, mandike sikuxelele ngendlu kaNomonde ahlala kuyo. Xa uphuma endleleni yemoto uyijongela entla kwendlela. Ukungena nje kwakho esangweni ujongana nomthombo onengelosi ephuma amanzi ezandleni. Wakudlula kuyo lengelosi ujongene nocango olukhulu olumenyezelayo. Ukungena kwakho emnyango ujamelana nobunewu-newu balemihla nobucukubhede.

Ukwigumbi lokuphumla apho kuthe jikelele izihlalo ezitofotofo zofele lwembongolo (suede). Edongeni kuthe nca umabonakude omkhulu ogqibe indawo yonke olicwecwe. Ekunene kukho umnyango wegumbi leendwendwe. Udlule kancinane ufike kumnyango wendlu yangasese eyakhelwe iindwendwe. Ekupheleni kweligumbi kubekho igumbi lika nomonde lokusebenzela, elinethala lakhe leencwadi zakhe.

Ekhohlo kwakho licango eliphumela ngemva kwendlu le. Ekhohlo apha ngasemnyango kukho amanqwanqwa okunyukela kumagumbi aphezulu. Apho phezulu kukho amagumbi amane okulala nendlu yangasese yesibini.

Xa uphuma ngemva kulendlu kukho ichityana lokuqubha elinamanzi acwenge nkcwee, namaqonga okungqengqa amabini. Elichityana lenziwe lasisangqa, kwaze kwakho isiqithana esinetafile nezihlalo ezibini. Xa uya kuletafile uhamba ngomchankcatho wegilasi owenziwe kakuhle. Lomzi wonke wawungena kukholelwa ukuba ngowomdaka wakuthi.