Maxheg’ endlu entsundu qwaqwadani, ningaphezi, khweba rhintyela banz’indlebe mfananal’ ulwazi luzakumka nenkonde nenkodekazi
Yhima mfana ndini ogxadazelayo sukundenza ithintitha entungo
Phaphama mfana kwenziwani ekhay’pha
“Zemka magwala ndini,” kudala besitsho
Umnombo yintsika yesizwe nekhaya liphela
Midaka yakhuthi masingadinwa ukuthundeza nokulikhupha ulwazi esinalo
Ekhaya akuhlekwa nothathatha
Ncancani nifunxe kulomibele ibhunxileyo
Zindlezane ningalulibali ulutsha
Kwedini ndatsho ndakhumbula ulusu
Myeke udakada ngowexhego lalapha
Bhinqa makoti uhloniphe ubuhlanti
Isinxibo nengoma intsimbi necuba lelalapha
Bakuza tica wajule pha lomathe
Zithande zingce
Watsh’uCabashe