Wahamba kwathuleka.
Wandishiya ndililolo.
Waphel’emehlweni wasal’entliziyweni.
Zahamb’intsuku.
Zaqengqel’ekiinyanga ngijongenkalweni.
Ndasala ndimathidala.
Ndiyinkom’edl’yodwa.
Wandishiya kwesinomhlwa.
Atshon’amalanga etshovana.
Walibala nangezithembiso zakho kum.
Amazwi wakho ayankentez’ezindlebeni zam.
Azi sithini isazela sakho ngam.
Ingqondo ithath’ibeka.
Intliziyo ihlal’ibalisa.
Ndikuncame okanye ndikulinde?
Hayi mandilinde umzingisi akanashwa.
Nonyana wolahleko wabuyel’ekhaya.
Wakubuqond’ubugwenxa bakhe.
Nam ndiyokwenjenjalo kuwe wakubuya.