Intshutshiso nezithuko ngenxa yam
Elogazi laphalalayo ngenxayam
Awomanxeba akrazulwa emzimben’ongenatyala
Lamemez’ilizwi emnqamlezweniwo, “Baxolele kub’abayaz’intw’abayenzayo,”
Obobuhlungu bungafaniswa nanto
Wabulawa unyana womtu engenzang’anto
Uthando lunye nguYesu Khrestu

Ndandingathandeki wandithanda
Ndandilahlekile wandilanda, wandibos’indlela
Ndandize wandombathisa
Ndimdaka wandihlamba ndacoceka
Ndifile wandivusa wandinik’ukuphil’okungunaphakade
Enkosi thando lwam, enkosi Thixo

Ingaba lungafumanekaphi na uthand’olunje
Ingaba ukhona umntu ongafela omnye umntw’engonanganto yena
Ndandith’uthando yintliziyo kanti ngumnqamlezo
UYesu wafa wavuka ngenxayam lulo uthando alukh’olunye

Abo bakuthandayo bagcin’imithetho yakho bakudumise
Ungumalus’olungileyo imfuyo yakho uyayazi uyayinakekela
Uyabazi abakho uyabohlway’uyabakhuz’ubaqondis’ukuze bangatshabalali

Alukho uthando ingenguye uYesu Khrestu
Akukho namny’ungathi uyathanda engathandi wena
Akukho namny’ungathi unothand’engenawe
Akekho ongathi uyalwazi uthando engazani nawe
Nam namhlanje ndiyakwazi ukuthi ndiyakuthanda kuba kaloku ndiyalwazi uthando lwenyaniso

Uthando alugwagwisi, luzekakad’umsindo
Lunobubele nomonde, alukhukhumali alwenzi okuzintloni, alunamona aluvuyeli kungalungisi luvuyisana nenyaniso
Lulo ke uthando endithethangalo
Alukhethi luthanda nokungathandeki
Enkosi thando lwam! Enkosi thando lwam