Sikhala ngothando imihla nezolo,
kanti loluphi oluthando luhamba nenyembezi?
bundithembisile wathi uzondithanda,
Wathi yonke lemihla nezolo sizobonisana,
kuphele amalanga asisabulisani,
Imilomo igcwele zizandla ingathi ngaphambana,
sakwenza ntoni thando?
uxake nembongi zomthonyama,
Ufika njengeziyobisi waqwenga wasishiya singenanto,
Ogqibe wathi ibingezizo injongo zakho,
uphilisana nathi kodwa uphikisana nathi,
Uphila ngoqaqanjelwa,
Oko wawurhazelelwa wena wedwa,
Usisithili sokufa,
Ofike wazinza kuwe uyabhubha,
Yibanoxolo sasikwenze ni?