Yintoni uthando?
Oh! Nam ndisaphanda
Uthando yintsinda badala
Liqhalo elintsingiselo ifihlakeleyo
Uthando lwabhida ingcali neegcaphephe zoswel’ulwazi
Oobawo noobawomkhulu beswel’ulwazi

Oh! Ndikhusele kwezinzungu neenzunguzi Yolanda
Kwisinyakanyaka seminyaka edlulileyo ndibabalwe ngothando
Ndababalwa ngentombi nto, lentwi
Manzandonga, ntwe nqabileyo “ntwi” yachwechwa
Ichwentsa ichinineka ngokungathi uyawucenga lomhlaba
Kwathi vuleka mhlaba ndingene
UTHANDO
Yintyatyambo ekumyingeyinge womgxobhoza
Ligqabi elimagqabagqaba elimagqaba luhlaza yaka
Lona lingabuniyo kwintshutshiso
kwakunye neembalela ezinyawo mbini
Kwaba sisizunguzungu sezothe ndizulisa ndizenzisa kodwa injongo
Ikuzeka mzekweni ndathi maxhalanga ndidleni
Ingase zilime ziyom’etyeni kakade kakade liphandlwa kubekanye
Libone wandi qhuqhaqhuqha endiqhwaba qhwaba ngeempama mpama
Endiqhuqhel’thando, ndaa nqwala ndangqina kwangoko ndalamnkel’uthando
Kananjalo nedayimani icholwa eluthulini wandule ukuyicoca icace gca
Okombala omhlophe kobomvu uyicoce icoceke inyinyitheke
Yadlule nomnyiki emnyameni
Kunamhla ndinebhongo neqhayiya
Endiziqhenya ngalo kuba nam ndithandiwe
Kodwa lulonwabo nje lomzuzwana
Kub’inkomo yenqoma yintsengwibheka
Oh! Uncumo lwakhe olusinxonxo luthi lala gusha ndikuchebe
Yindoni yamanzi lento ingathi ihlamba ngobisi
Mhle u…………………………………………………………… YOLANDA
UTHANDO