Mama wam! Mama wam
Wena undikhulisile, wena undithandile
Ndinjenje kungenxa yakho.
Ndiyabulelel ngokundikhulisa ngembeko,
Nangentlonipho, wena ungumzali ondilisekileyo

Ungunozala kum
Singayi’ntoni na ngaphandle
komama? Kona ilizwe lona ?
Lingayintoni na? Hayi andiyiboni,
Impumelelo ngaphandle kwaba bantu
Bathi esiXhoseni esingqingqwa, esintsolokothileyo
Zimbokodo tyhin’! Nam ndivumelana naso
Kalok’ababantu ngabenzi bamakhaya
Ikhaya ngaphandle kuka mama,
Liba ngumehluko kakhulu, kuba,
Kalok’lithi’ khay’zelivuke
Kube kukho intokazi,inzwakazi,
Imbokodo, umama he wethu
Ndiswele amagama okunibiza bonozala!

Kuba kaloku nina niyiyo yonke into ebomini
Kuthi mandibhale incwadi ngani
Kodwa hayi, mandibonge ngani
Ndidlulise umyalezo ngani eluntwini
Kuba kaloku nina ningabaphathi belizwe