Ukuphela kobomi
Ndilapha ngelixesha kunye nani
Ndikufutshane nawe ngalomzuzu
Thetha nam kuselithuba
Yitsho kum kwesis’thuba
Kuza ixesha lokuba ndingabikho
Kuza ithuba lokuba ndinyamalale.

Kuza ilixa lokuba ndisuswe kuwe,
Ndingabikho emehlweni akho
Uthi ufuna ukuthetha ndibe ndingekho
Ufuna ukubuza ndibe ndingeva
Uhlale unomnqweno wokundibona
Ndibe mna ndasukayo kuwe
Ndakuba nawe ngomoya
Ndihlale kuwe entliziyweni
Umane undibona engqondweni
Ungaze undibone emhlabeni