Uhambo lokufa!
Lwaziwa njengohambo lomphefumlo
Kodwa ikwaluhambo lwenyama
Luhambo lwentandabuzo,
Lwempoxakalo kwa nodano

Uhambo lokufa!
Abaninzi bathi yihamb’ enzima
Ikwaluhambo lokulahlekelwa lithemba
Luhambo lokoyiswa,
Lokunikezela kwa nokufa

Uhambo lokufa!
Lungqinwa njengohambo lweentlungu
Kodwa ikwaluhambo lokuphumla
Luhambo lwengcwaba,
Lwezulu kwa nomhlaba

Uhambo lokufa!
Lukhangeleka njengo hambo lwenzilo
Ikwaluhambo lokuthwal’ iintlungu
Luhambo lweenkedama,
Lwabahlolo kwa nabahlolokazi

Uhambo lokufa!
Luxelwa njengohambo olungaqhelekiyo
Ikwaluhambo olungeyo-nqaba eluntwini
Luhambo olusebumnyameni,
Olusenkugwini kwa nasenyanyeni

Uhambo lokufa!
Lubhalwe njengohambo olungumthetho
Ikwaluhambo olusekiwey’ ehlabathini
Luhambo olungena-mkhethe,
Lwamagqobhoka kwa nabooni