Uhambo lokufa!
Lwaziwa njengohambo lomphefumlo
Kodwa ikwaluhambo lwenyama
Luhambo lwentandabuzo,
Lwempoxakalo kwa nodano
Uhambo lokufa!
Abaninzi bathi yihamb’ enzima
Ikwaluhambo lokulahlekelwa lithemba
Luhambo lokoyiswa,
Lokunikezela kwa nokufa
Uhambo lokufa!
Lungqinwa njengohambo lweentlungu
Kodwa ikwaluhambo lokuphumla
Luhambo lwengcwaba,
Lwezulu kwa nomhlaba
Uhambo lokufa!
Lukhangeleka njengo hambo lwenzilo
Ikwaluhambo lokuthwal’ iintlungu
Luhambo lweenkedama,
Lwabahlolo kwa nabahlolokazi
Uhambo lokufa!
Luxelwa njengohambo olungaqhelekiyo
Ikwaluhambo olungeyo-nqaba eluntwini
Luhambo olusebumnyameni,
Olusenkugwini kwa nasenyanyeni
Uhambo lokufa!
Lubhalwe njengohambo olungumthetho
Ikwaluhambo olusekiwey’ ehlabathini
Luhambo olungena-mkhethe,
Lwamagqobhoka kwa nabooni