Watshabalalisa abadala ngoku utshabalalisa ulutsha
Thina ke sesinazo izixhobo zokulwa
Sesiwulungele umlo oza nawo
Ingaba wena unazo izixhobo zokulwa?
Ugawulayo umtshabalalisi welizwe

Uyalitshabalalisa ilizwe lethu mfondini
Utshabalalisa abamhlophe nabantsundu
Awukhethi ntlanga
Utshabalalisa abancinci nabadala
Usizi awunalo
Ugawulayo,umtshabalalisi welizwe

Yhini!siyawuphila phi na nguwe
Singazifihla phi nah sibaleka wena
Ngoba wena uyasikhangela
Usigrumba apho sizifihla khona
Ugawulayo umtshabalalisi welizwe

Sisifo esasivela phi na esi?
Yintsholongwan’eyayuze nabani na le?
Yinton’esikwenze yona sowusihlasela nje?
Kodwa kuthiwa okungapheliyo kuyahlola
Uyakuphela ibengathi zange wabakho
Uzichithela nje ixesha lakho
Ugawulayo,umtshabalalisi welizwe

Bantu masizikhuseleni kulo mtshabalalisi
Lutshaba lwethu olu
Luyasibulala,luyasihlukumeza
Ayikho enye indlela kodwa ukusela amayeza
Ingathi inkulu into ezayo
Ugawulayo umtshabalalisi welizwe

Siphulukana neziqu zethu ngenxa yakho
Uyawutshabalalis’ umphefumlo wexhoba
Ugawulayo umtshabalalisi welizwe