Inene kudala ndisiva ngawe kufa
Kodwa namhlanje ndiyangqina usis’qalekiso
Ndiyakuhlonipha
Imihla ngemihla wakhela umnqantsa phakathi kweentsapho zethu
Awurhoxi kuba kaloku awungomanzi omngqusho
Kodwa uquqa ubuyelela okwezulu lase-Mthatha
Wakufika ubetha kuqhekeke iintliziyo kusale intiyo ngemva
Awunamva mfondini, awunamphambili
Ungumavula kuvaliwe kuba isiphelo nguwe

Ekuqaleni kobomi wawukho nasekugqibeleni ukhona
Yintone le ingaka uyifunayo kuthi?
Izihlobo nezalamane zisala zindlandlathekile
Abahlobo basala beqhankqalaza
Wena ungu-Gqugqugqu uzithonga zithathu
Usuba uluntu, izilwanyane, nendalo ngokufa
Kudala ndibukele hayi ndiyaqhwaba
Usisifo esisuba naluphi na uhlanga
Isimo, ngeemeni zika xakeka siye sikucele
Wakuthi gqi wena ngezovuyo, ibengu lo akakwazi ngoku.

Hayi uyingcuphephe kodwa kufa
Kwelinye icala unengqondo zehashi wenz’ ucinge
Laphalala ilizwe, kwakhala ibhungane
Kwanqongophala nenyembezi
Kwasala iintsizi zidandalazisile
Ushiya iinkedama kuba wenza unothanda
Qamata woPhalo phendulela iintsana zakho
Othi angcamle ubuncwane besisifo ngoya kwantliziyo ndise engasayi kubuya naphakade
Wohlwaya aboni, nabamsulwa
Intsingiselo yakho iphi kanti?

Uthi wakunkqonkqozakuvakale
Kuhlokoma ilizwe ngobubanzi balo
Usisimakade yena ukufa, bantu kholwani mna
Mhla ukufa waphela kumhla imbalela yobomi yavela
Kwabanye usisisombululo samahla ndenyuka
Kwabanye ulutshaba
Iintliziyo zaboni zisala zingcangcazela
Ezamalungisa zinamahlwili
Ndiphawula ntw’enye ngawe
Awubulali ngandlela nye kodwa ukufa kunye kona.

Abathe basutywa kukufa bengekafezekisi minqweno … kuma sapho abo inyembezi nabo ngumtya nethunga,
Kwabo basadunyelwe bubuncwane basemhlabeni … Mabahlabe bekhangelee ukufa akubhali ngemini zako,
Umbuzo ka-Shongwe uthi “Uyakuthi wenzani emhlabeni?”
Impendulo ikwizenzo zethu ngokwendlela esibuphila ngayo
Ubomi ngumzamo mawethu buza kanye
Masibulele indima edlalwe ngaba sandulelayo ngemini zabo emhlabeni
Ukufa kwadalwa singekabikho
ubomi buyakohluthwa kukufa emntwini kuba indlela iphelela ekufeni.