Obu ubomi esibuphilayo sibucela kumveli ngqangi ngalomazwi ndithi sudlala uthunyiwe hleze ujingi aqawuke.

Makwedini nani magqiyazana ningaze nikhale mhla ndaze ndawunabela uqaqaqa ngoba okwam kweli ndiyobe ndilufezile uqatso lam kwaye ndiyivezekise yonke eyam iminqweno, uviwo lwam ndiligqibile ngoba wonke umntu unolwakhe uviwo ukuba ulibhala njani lelakhe.

Kudala ndiwela iimilambo nditshiswa ngamalanga ndiqabela amathafa ndiwela amawa ndabona ngamehlo enyama. Ndatsho nam ndathi ukuhamba kukubona. Emini emaqanda ndizibone sendicwengisile ndibethwe zingcinga neenkumbulo nje ngamntu wonke, kodwa kwanento ethi nyana wam liduduma lidlule kodwa lishiya izigede. Ndazibuza kaziba iyozala nkomo nina.

Emtyantini ndiyinkomo edla yodwa ngenxa yokuphalaza okundityayo, kanti ndizikhande ngenyeke etyeni, ndisenombuzo othi kanti ngelalixa kwaku khankanywa xebe kubikwa ngesaci esithi, “”usana olungakhaliyo lufela embelekweni,” “kwathethwa ukuthini ngoba nam ndiye ndazibona ndiyimpula kalujacu ngenxa yesikhalo sam, ndabe ndicinga ndizama ukulungisa isizwe zasekhaya kanti ngelakhe akaboni njalo.

Inyembezi zinqamleza umbombo imihla nezolo umqamelo ndilala womile ndivuke umanzi kuba lento endityayo andazi ngobani na onokuyipholisa, ndiye ndayinja ezikhotha amanxeba kwangase ndingama phezu kwentaba ndisitsho esomfazi. Kuthiwa yona ayikhali ndazibuza kuthine yona ayingomntu ngoba nayo inegazi elifana naye wonke ubani.

Kazba inimba yayeka nha ukusika, ngoba nam ndide ndancama ngoba oko ndithobile xebe ndigobile ndixele umsenge de nebhokhwe zanditya zade zayoba. Eyona nto ebuhlungu yeyoba ixabiso lomntu abantu balubona mhla waze wayibeka inqawe batsho bathi ebelungile ke. Kodwa lonto ingazumbuyisa.

Ndinethemba lokuba kuzoze kunethe nasentlango nditsho nam ndithi ndinegugu neqayiya kwadwa ndiyayazi phambi kokukhanya kuqale kubembenyama, kutsho kuphume nohili ezingcongolweni.