Sele kulithutyana, ndibhuqabhuqeka
Ziz’phatsho zobu bomi, ndisiwa ndivuka
Indlal’ ibhalwe ebusweni, inyembezi azide zome
Kudala ndikhangel’ isibane ebumnyameni
Kwezondlela zibhek’ empumelelweni ndikhangel’ umvuzo.

Sele kulithutyana ndirhangqwe bubumnyama, ndixhwalekil’ emphefumlweni
Ndingazi ndobheka phi na, xa linditshonela elilanga, inga ndingalibamba lingatshoni
Kuba ndinoloyiko lobumnyama
Kudala ndijong’ enkalweni
Ndikhangelana nethemba, endingazange ndalingcamla nasephupheni.

Kuthiwa yonke into inexetsha layo
Kodwa ndinoloyiko ngahle ndifike sele kophulwe,
Amehlo wam athi xakungenjalo ndithathe
Sele kusisonka semihla ngemihla
Izikhalo, neminqweno yam iwel’ eluhayini
Bendinethemba ndiyakuba sisibane kwelikhaya
Kodwa intliziyo yam yombethe ubumnyama
Ubomi bundiphathele ezemfazwe izikhali.

Sele kulithutyana ndibhala, ndibonga
Kodwa imizamo neminqweno yam iphelela kulemibongo,
Kudala ndinyamezele
Ndilinde umvuzo kodwa akade afike,
Olwam ulonwabo sele luzinyembezi nokuzisola,
Ngahle ndihamba endleleni engeyiyo, kodwa yeyiphi eyiyo?
Kuba wonke umntu ulwa idabi lakhe.