Qhosha ndin’elithandekayo
Phepha ndin’elizondiweyo
Msombululi weengxaki kubakholelwa kuwe
Sidingo ndin soluntu
Sizukulwana ndini sikaKufa
Nyana kaNkohlakalo noNompucuko
Bhuti ndini Nkululeko noMona
Mzala kaBukhrwaphilizo noBuqhophololo

Wena mfana ndini wasemzini
Wena tata ka Dlame noPhul’umthetho
Mhlobo wenene kubanwele ziyephu-yephu
Ngaphandle kwakh’abayonto yanto

Mali wena ulisela lengqondo
Kwazalwa wena watshatyalaliswa
Umnakwen’uThando
Kwafa yena kwasala
Umkhuluwa wakh’uNzondo

Uligongqongq’elingenamlomo
Uhlafun’abant’ungenamazinyo
Ubakhukhuz’ungenamihlathi
Kazi kuyoze kubenini na kunje?
Kazi mfana ndin’ufunan’aph’ekhaya?
Kuba mn’andinabudlelwane nawe
Yang’ungabuyela kowenu
Ngob’uze nodushe kwelam ikhaya

Ngoko ke zinkonde nani zinkondekazi
Zinkokheli nani zinkokhelikazi
Sizukulwana nani sizukulwanakazi
Ze nimjonge lomfan’uMali
Ungu Nogumbe ngokwakhe.