Safa saphela isizwe sabantsundu
Sibhetyebhetye simathambo antengentenge
Kodwa uncumo esinalo luzele uthando.

Sisifa, sinabela uqaqaqa kangaka nje lolu ncumo olu
Intliziyo zethu ezimhlophe qhwa zisizisela amafu amnyama
Basibulala, besiqwenga
Ow! Safa saphela isizwe sabamnyama.

Kungaba kuyasa siyabulawa
Kungaba kutshona ilanga saxhwilwa
Inene alikho nalinye ixesha esikhuseleke ngalo mz’ontsundu
Safa saphela isizwe sabantsundu.