Ngenkangeleko ndimncinane
Kodwa ndazi lukhulu
Kuba okwandehlela kukhulu
Inzondo endinayo ikhula maxa onke ndakubona owam umzali

Ndiyayazi intlungu nentlupheko
Yokuswela umzali kodwa ephila
Ndisisiphumo sembandezelo isiqhamo songcungcutheko
Intlungu yokuqengqa iintsuku ungatyi, uye esikolweni ubetha ngolukatshiwo
Uvase ngamanzi odwa, ungathambisi
Zonke zibuzwa kum

Yini mama notata
Ukundifaka kwezinje zona iintsunguzi
Kazi elam ixabiso benilazi na?
Inzondo kobam ubomi yadalwa Nini
Yini mama notata
Ndophuleni kule mbiza

Chosi chosi noko ndivuthiwe ngoku
Yini na ukuba nibusithelise kum ubuso benu?
Besiyintoni na isono sam kuni?
Umhla nezolo kubanzima
Ewe akubilula kubalukhuni
Yini mama notata
Ndophuleni kule mbiza