Oth’ akakabungcaml’ ubomi besisele liqikili
Makohlwaywe ngokuvalelwa kwesimnyam’ isisele
Ngoba kalok’ esona sisele lihlabathi ubuqu balo
Aph’ uban’aphilela bantu bambi
Siphil’ elizweni lika, bazothin’ abantu
Umbuzo usemi awunampendulo,
Obani laba bantu?
Banagalelo lini ebomini bakho?
Oh! Yahamba madod’ imaz’ ingafumananga mpendulo

Sisemakhamandeleni
Sisematyhathangeni
Siqanyangelwe siphefumla ngenxeba
Sife siphila
Ukusekho yethu

Kodwa sithi xa siwutsiba umgubasi
Wesango lwesisele
Siphuma sinxib’ uncumo lukaDyakalashe uqobo lwakhe
Intshumayelo nezenz’ azikhelelani manzi
Kakad’ akekh’ ofun’ ukuzithi paa haa iinzima zakhe
Ngob’ otshele kwelith’ indlov’ ayisindwa ngumboko wayo
Kanti lent’ iyimpilo, yimpilo ngomny’ umntu

Xa singabambisana
Singalwisani
Xa singaxolelana
Singagxeleshani
Xa singangaphakamelani
Siphakamisane
Xa singangathiyani
Sithuthukisane
Xa singalungisana
Singakhalalalani

Singabuyel’ endulo
Kufane namhla mnene
Apho besingabekan’ amabala
Singacalulani
Silala ngengub’ enye
Umnt’ ingumntu ngomny;’ umntu
Masibuyelen’ embo Ma-Afrika