Ndalitshona ibanga leshumi kum yonke lo nto yangathi yintsomi.
Zaqhuba zaya kwizikolo endandizinqwenela iitshomi.
Abazali balilahla kum ithemba.
nale iyadlula ngenye imini, ezovuyo ingoma ndisezakuzicula.
Ngeyenye imini kusezakulunga
eli lelam iphupha.

Ndisezakuyiqhuba laa moto yeminqweno yam.
Ngenye imini niya kundibulisa ndikude.
Ndakuba ngumcedi wabahlupheki ndibambelele ko ndimkhonzayo.
Ngenye imini uya kundikhulula uThixo.

Eli inqanaba lobomi andisayi kulilibala,
kuya kuhlahlamba amahlwili kube buhlungu emhlane.
mna ndakuhlala ndiyihlwayela eyam indlela.
Umzimba ungadlikiveka udlokoveke elam iphupha lakufezeka.
Ngenye imini nakundibuza ndenza njani.
Ndisezakuwajika amatye abe zizonka.
Ngenye imini ndakuphumelela.
Ngenye imini