Ndibona lusizi amehlo ankungu
Ndiboni nje iinkanyezi
Andazi noba ndibethwa lulwazi
Kodwa eyam intliziyo ibetha ngamandla ayiphezi
Ndisemathandweni andizibadezi

Ndiphethwe luthando nothi yintando
Khawujonge nje oluthando lungaka
Ingathi lunikwa umntwana wokuqala untondo
Jonga nje ayonzondo intle lento luthando

Ndisemathandweni
Yanga umntu angandivusa ingathi ndisemaphupheni
Mntwana womntu awupheli eqwondweni
Uthando lwakho lutsho kude emazantsi entliziyweni
Undinika ulonwabo ezinzwaneni mntwana womntu
Masibambane sobabini kuba luyolo ukuba semathandweni

Oluthando yinyongo kodwa andiboninto irongo
Awam amehlo andongondongo ingathi nditshaye intsango
Ukuba kuphelele apha uthando lungumlingo
Ndisuke ndabanamabhongo ngawe kuba ndiwubhalele wena lombongo