Ndiliyilo ngokuthetha
Ndibek’ abe mabini abe mathathu
Noko andilociko
Ndinik’ usiba lwam ndikucikozele

Ndityikitye ndidyibheke
ndenjenje ukutyatyadula
Ndilutyekezisa kube khaphukhaph’ingqondo.
Usiba lwam ndiluthembile

Litsho ngezantyalantyala kuxol’ umoya
Isithukuthezi siphela nya
Ndibhodl’ imbilini yam
Ndizityand’ igila
Siba lwam ndithwale
Thina sobabini sokohlulwa kukufa

Qula kwedini kaBawo
Xhoba ntondini kukude bhakubha
Qubul’ isikrweqe sakho
Siy’ emfazweni wenze njalo ukundihlangula.
Ungumthuthuzeli wam
ungumonwabisi wentliziyo yam
Umva ndedwa uphela tu

Xa ndinawe ndicikoza kukhamise
amaciko.
Kaloku ubuze bam baziwa nguwe
Ndinike usiba lwam ndicikoze